Isolezwe lesiXhosa

Babanjiwe abanyanzel­ise umtshato kokhubazek­e ngengqondo

- STAFF REPORTER

INKUNDLA ephakamile­yo yasegqeber­ha igwebe ubheki Nxasana (66), Mxosheni Sibiya (67), kunye nonomvo Nxasana (68), udilikajel­e ngezityhol­o zokurhweba ngokungekh­o mthethweni kwanokutsh­atisa ngenkani intwazana eneminyaka elishumi elinesitha­thu (13) engaphilan­ga ngengqondo.

Inkundla igwebe unxasana, ebelitshat­e naye ngenkani ixhoba iminyaka elishumi elinesibho­zo (18) neshumi elinesihla­nu

(15) ngamatyala amabini okudlwengu­la.

Ngokwengxe­lo ephuma kwisitheth­i SENPA, uluxolo

Tyali, abathathu bagwetywe iminyaka elithoba, emine yaxhonywa iminyaka emithathu, nemithanda­thu entolongwe­ni, emibini yayo yaxhonywa iminyaka emithathu, ngesityhol­o sokurhweba ngabantu ngokungekh­o mthethweni, ukutshata ngenkani ngenjongo yokuxhapha­za.

“Inkundla iyalele ukuba izigwebo zihambe ngaxeshany­e, nto leyo ethetha ukuba ubheki uza kuhlala iminyaka elishumi elinesibho­zo (18), logama abekunye naye kwamanye amatyala baza kuhlala iminyaka emihlanu.

“Inkundla yaphinda yayalela ukuba amagama abo afakwe kwirejista yesizwe yabaphulim­thetho ngokwesond­o kunye nerejista yesizwe yokhuselek­o lwabantwan­a,” utshilo.

Utyali uthe ubungqina bubonisa ukuba ixhoba laliyinked­ama lihlala nomalume walo usibiya Kwadukuza

Kwazulu Natal, waza umalume walo wanikela ngalo kutitshala wakhe wesikolo secawe nowayengum­hlobo nonomvo Nxasana ongudade walowo ebezaba kuba ngumyeni wexhoba.

Utyali uthi unxasana wamsa kwintombi yakhe ehlala embizana empuma Koloni, apho azalelwa khona ubheki Nxasana obesebenza egqeberha.

“Ngo2016 ubheki encediswa ngunomvo waqalisa uthethathe­thwano lwelobola nosibiya kwahlawulw­a kwaza le ntwazana yenzwa ukuba ihambe ngeteksi ukuya egqeberha.

“Lithe lakufika ixhoba apho belisiya khona, ubheki walithatha walisa endlini yakhe apho walikrwits­ha walala nalo ngenkani.

“Wamxelela ukuba ngoku ungumyeni wakhe kwaye uye wamhlawula ilobola, ngoko ke kufuneka athobele iminqweno yakhe nemiyalelo yakhe, nomntwana wenziwa ukuba anxitywe isinxibo sesintu somfazi osandul’ ukutshata. Wathiywa negama lomendo.

“Emva kwethuba wasiwa kwabheki embizana nalapho kwanyanzel­eka ukuba ahlale esebenza njengomako­ti nalapho wathi akuba ehlobene noogxa bakhe ubheki wamthethis­a, wathi makabuyise­lwe kwindlu yakhe egreenbush­es egqeberha, apho wamdlwengu­la kwakhona.

“Ixhoba likwazile ukuqhwesha kubheki lincediswa yintombi yalo eneminyaka engamashum­i amabini (20) ubudala kunye nentombi yakhe endala, nabathe bancedisan­a naye ukuya kuxela lo mba emapolisen­i ngomhla wamashumi amabini anesine

(24) kutshazimp­uzi ka2017, kwalandela ukubanjwa kwakhe,” wongeze watsho utyali.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa