Isolezwe lesiXhosa

Benza utshintsho kwabaswele­yo

-

ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

AMALUNGU osapho lakwamacin­gwane ecobosi engcobo athe akubona imeko yabo bangathath­i ntweni, ingakumbi abantwana abasenekam­va bavakalelw­a, nokwenze oko basungule umbutho ongenanto yakwenza norhulumen­te I-IPHULO Consortium - nengumbuth­o ojongene nokuphuhli­sa uluntu.

Nangona usungulwe kunyaka ophelileyo ka2022 kodwa sele wenze utshintsho kwanomahlu­ko kwabaninzi.

Lo mbutho uqalwe nguntsikel­elo Macingwane

(27) osebenza njengonesi ekunye nogqirha Olothando Macingwane (30), bencediswa ngusiphama­ndla Mbaswana (26) ongusomach­iza.

Untsikelel­o nongunobha­la WEIPHULO Consortium, uthi bakhupha kubo empokothwe­ni kwaye bafumene nenkxaso kwiivenkil­e bebonelelw­a ngeephedzi, izinto zokucoca umzimba kwanezihla­ngu zesikolo.

Uthi xa benikezela ngezi pasile kubafundi baye benze nentetho apho baye babafundis­e ngohlobo lokuziphat­ha, bababonise kwaneminge­ni yokukhulel­wa usengumfun­di, babaxhobis­e nangobungo­zi bokusebenz­isa iziyobisi kwanokunga­lwi esikolweni.

Izikolo ezinabantw­ana abadingayo esele bezityelel­e benikela kuzo sukela beqalile nephulo labo kunyaka ophelileyo yikhanyolw­ethu S.S.S, iphakamani S.S.S, imanzana S.S.S zasengcobo kwakunye nemount Frere S.S.S yakwabhaca.

"Oku ziinzame zokuqinise­kisa ukuba akukho namnye umntwana oyintombaz­ana ongayiyo esikolweni ngenxa yokuba ethintelwa kukubasexe­sheni kuba engenazo emva ekhaya iiphedzi. Unobangela wokuba sibe nencoko, sibakhutha­ze xa sibatyelel­e sifuna ukuba umntwana angayi esikolweni kuba kusiyiwa, aye enenjongo kwaye enephupho kwaye bazokwazi nokwenza izigqibo ezintle ngekamva labo," utshilo untsikelel­o.

Kwisikolo esikwilali yabo icobosi banikezele ngezihlang­u ezikuma50 ecobosi Primary.

Untsikelel­o uthi ngenxa yomsebenzi wabo oncomekayo kongezelek­e amanye amalungu batsho babathanda­thu. Aba ngulusanda Mayihlome Macingwane-makhasi oyititshal­akazi, usisikelel­we

Kula oyinesi kwakunye nosive Ngomana naye oyinesi.

Uthi baseneziny­e izicwangci­so abaza kuzenza benceda izikolo ezinabantw­ana abangathat­hi ntweni, apho baza kuqhubekek­a bebonisa abafundi ngamakhond­o abanokuwal­andela xa bekugrade1­2.

 ?? ?? Iqela lombutho wolutsha lwasecobos­i engcobo IPHULO Consortium NPO, benikezela ngeepasile zokuzicoca kwakunye nezihlangu kwizikolo ezahlukene­yo zasengcobo.
Iqela lombutho wolutsha lwasecobos­i engcobo IPHULO Consortium NPO, benikezela ngeepasile zokuzicoca kwakunye nezihlangu kwizikolo ezahlukene­yo zasengcobo.
 ?? IMIFANEKIS­O: ITHUNYELWE. ?? Iqela lombutho wolutsha lwasecobos­i engcobo IPHULO Consortium NPO.
IMIFANEKIS­O: ITHUNYELWE. Iqela lombutho wolutsha lwasecobos­i engcobo IPHULO Consortium NPO.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa