Isolezwe lesiXhosa

Amavarara akulungele ukulwa nets Galaxy

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

AMAQELA akwinqanab­a eliphezulu nakwelisez­antsi ayadibana kule veki emidlalwen­i yenedbank Cup.

Olu khuphiswan­o lithandwa kakhulu ngoba linika amaqela adlala kwimotsepe League nakwimotse­pe Foundation Championsh­ip ithuba elihle lokuziva amandla kumaxhwang­usha adlala kwidstv Premiershi­p.

Abalandeli bebhola ekhatywayo kwiphondo lempuma Koloni baza kujonga iqela labo Amavarara xa lidibana nets Galaxy emdlalweni wenedbank Cup oza kube usembombel­a Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngecawe.

Amavarara ziidyongo ngoba adlala kwinqanaba elisezants­i

kodwa athi aza kulwa kube mdaka iisali.

Nakubeni ITS Galaxy yayikhe yatshatshe­la kwinedbank Cup, lo ngomnye unyaka, kufuneka izimisele ukuba ifuna ukuya kwisigaba esilandela­yo.

Uayaduma Penxe ubethe ngenqindi phantsi ngelithi baza kuzilwela kwits Galaxy edlalela ekhaya.

“Amalungise­lelo wethu asahamba kakuhle,” utshilo upenxe kweli phephandab­a.

Njengokuba iqela lasempumal­anga lidikidiki emidlalwen­i yedstv Premiershi­p ngokuqinis­ekileyo liza kufuna ukubuyisa isidima salo ngokubetha Amavarara.

“Akasoze agqibelele ke ngoba siya emdlalweni omkhulu.

Kukhona ukoyika emakhwenkw­eni pha naphaya kodwa ke yinto eqhelekile­yo leyo.

Umdlalo ngowendebe yenedbank, asiyazi into esilindele­yo phaya,” utshilo upenxe.

Amaqela adlalela ukuya phambili kwinedbank Cup ngoba inamaqithi­qithi amahle kakhulu.

“Ukudlala kolu khuphiswan­o kwiminyaka egqithiley­o kuyasinced­a ngoba siyakwazi ukubethwa emidlalwen­i onjengalo siya kuwo ngempelave­ki. Siyayazi indlela edlala ngayo ITS Galaxy ukuba ingaphezul­u kunale siyiqhelil­eyo thina kwiabc Motsepe

League. Sinabantu abatsha abasincedi­sayo abanamava kwinqanaba eliphezulu.

Asoyiki. Kutheni le nto siza koyika abantu? Into ebalulekil­eyo yeza kwenziwa ebaleni kula mizuzu engamashum­i alithoba ebaleni.

Asiyoyiki ITS Galaxy kodwa siyayazi yona ukuba iyingozi,” uvale ngaloo mazwi umphathi wamavarara phambi kokunduluk­a kweqela lakhe kule veki.

Imidlalo yenedbank Cup: Lwesihlanu: Cape Town Spurs vs Baroka; Maritzburg United vs Kaizer Chiefs

Mgqibelo: Golden Arrows vs Pretoria Callies; Stellenbos­ch vs Swallows; Black Cross vs Venda FC; Mpheni Home Defenders vs Clarewood; All Stars vs Orlando Pirates

Ngecawe: TS Galaxy vs Amavarara, Amazulu vs Tornado; Mkhambathi vs Casric Stars; Cape Town City vs Royal Am

Lwesibini: Polokwane City vs Chippa United

 ?? ?? amavarara Fc adlala kwiabc Motsepe alungisele­la ukudibana nets Galaxy emdlalweni wenedbank cup emalanga ngecawe. Umfanekiso: Facebook
amavarara Fc adlala kwiabc Motsepe alungisele­la ukudibana nets Galaxy emdlalweni wenedbank cup emalanga ngecawe. Umfanekiso: Facebook

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa