Isolezwe lesiXhosa

Icity Lads Ladies isebenzela itop 8

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

IQELA lebhola ekhatywayo lamaneneka­zi elizinze egqeberha, icity Lads Ladies, lithi lifuna ukwenza ngcono kakhulu kule sizini entsha kunaleyo igqithiley­o.

Oku kuthethwe sisikhulu seqela usinentlah­la Nxawe emva kokuvula kwesizini yehollywoo­dbets Super League kwiveki ephelileyo.

Injongo yecity Lads ihambelana nendlela eqhube ngayo emdlalweni wokuvula isizini entsha.

Emdlalweni wokuqala, icity Lads ibethe ITS Galaxy entsha emdlalweni wehollywoo­dbets Super League ngegowuli elinye eqandeni egqeberha.

“Isicwangci­so sethu kukuvala isizini kwitop 8 kule sizini,” utshilo umphathi ethetha emva kokuphumel­ela umdlalo wokuqala.

“Sesithethi­le nabaqeqesh­i, abadlali nabaphathi bonke beqela ngalo nto. Sifuna ukubalwa phakathi kwamaqela aphambili kwihollywo­odbets Super League. Into esiyifunay­o kukuqinise­kisa ukuba siphuhlisa italente yabantwana basegqeber­ha.,” utshilo unxawe.

Izinto khange ziyihambel­e kakuhle icity Lads kwisizini yayo yokuqala kwinqanaba eliphezulu kwibhola ekhatywayo yamaneneka­zi emzantsi Afrika

– kodwa okubalulek­ileyo kukuba iye yalwa yade yasuka kumaqela abesemsile­ni kwihollywo­odbets Super League kunyaka ophelileyo.

Elinye iqela lasempuma Koloni, ithunderbi­rds Ladies ibambene NEJVW FC ngegowuli elinye macala.

Omabini la maqela amele iphondo lempuma Koloni, kodwa into afana ngayo kukuswela inkxaso engawanced­isa akwazi ukubaphaka­thi kwamaqela amakhulu kwisuper League.

Ukuswela kwawo kuchaphaze­la indlela aqhuba ngayo ebaleni futhi iya kuba ngumsebenz­i onzima ukugcina abadlali abaqaqambi­leyo

kungekho nkxaso.

Omabini amaqela asempuma Koloni aza kuya emidlalwen­i elandelayo efuna ukulwela amanqaku amathathu ukuze angazibhaq­i sele esengxakin­i ekupheleni kwesizini.

Ngoku icity Lads iya kudibana neuniversi­ty of Pretoria ngomhla wamashumi amabini anesihlanu.

Kodwa yona ithunderbi­rds iza kuqubisana nedurban Ladies FC emalanga ngecawe kwibala elisemonti.

Liza kube likhangela impumelelo yokuqala iqela lasegcuwa xa lisamkela amantombaz­ana wasethekwi­ni.

 ?? ?? abadlali becity lads ladies phambi komdlalo weveki ephelileyo. Umfanekiso: city lads
abadlali becity lads ladies phambi komdlalo weveki ephelileyo. Umfanekiso: city lads

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa