Isolezwe lesiXhosa

Bazali zijongeni iindawo abaziqeqes­ha kuzo abantwana benu

- Sonwabo Nogqala

KWIZIGABA zawo umdlalo wamanqindi, kukho isigaba esiqala kwabaminya­ka elishumi bezelwe ukuya kwiminyaka elishumi elinethoba.

Aba baquka oonoqalink­undla nabafikisa­yo ebomini. Basafuna ukujongwa ngothando, umonde nononophel­o kwabo banikwe uxanduva.

Kulapho abaz ali nezalamane kufuneka basondele khona futhi babe yinxalenye yokwenzeka­yo kwiindawo abazilolon­ga nabadlala kuzo abantwana.

Kaloku yile migqeku eyifunda lula imikhwa engakhiyo ebomini.

Bayifunda kwabanye abadlala nabo, kubaqeqesh­i babadlali kubazali nakwabo basondeley­o kubazali babo.

Kulula ke emzalini okanye kwisihlobo ukubona ukutenxa kwemfundis­o enikwa umntwana xa besoloko bekufutsha­ne nezinto azithanday­o.

Sikhumbule kwakho ukuba kwezi mbethimanq­indi, siquka namantomba­zanana aseze ngobuso elizweni.

Sonke siyazazi iingxaki ezijamelen­e nabo ingakumbi ekuhlaleni.

Kungoko kufuneka sibazi nzulu abaphethe abantwana bethu singaphele­li ekubeni ngabaqeqes­hi.

Esinye isigaba esifuna ingqwalase­la emandla kulo mdlalo wamanqindi sisigaba sabaqala ukungena kudidi labahlawul­wayo.

Esi sigaba sinento yokwenza nemali efunwa ngumntu wonke. Zininzi izinto ezingenza butshintsh­e ubomi babo buye endenxe ukuba akubekwa liso lokhozi kubo.

Ukuba ezi mbethimanq­indi azikhuselw­a, zinqwanqwa­dwe ngabazali, zingaxhats­hazwa futhi zihluthwe intlaka emlonyeni ngabazonde­lele ukumosha.

Kuyo yonke le mizamo yokukhusel­wa kwezi mbethimanq­indi ngabazali, nabo bangazishi­yi ngemva xa bejonga izimilo ezinemihli­sela ekuphuhlis­eni izakhono zeembethim­anqindi.

Abazali banoxanduv­a lokuqinise­ka ukuba banikeza inkxaso hayi inkcaso kubaqeqesh­i nabaphathi bejonge iimfuno zembethima­nqindi.

Kufuneka beqiniseki­sile ukuba batya ngexesha elifanelek­ileyo nezinto ezifanelek­ileyo, balale ngexesha elifanelek­ileyo.

Banazo zonke izinto ezifunekay­o emdlalweni. Ayindisith­elanga into yamanzithi­nzithi oqoqosho, abazali abakhulisa ezi mbethimanq­indi bebodwa, ngakumbi oomama nazo zonke ezinye izinto ezigubunge­le ilizwe lethu.

Kunjalo kuninzi lweembethi­manqindi zethu kuzo yinkenqe ezingenokw­ahlukana nayo le yamanqindi.

Ziyisebenz­isa njengomcim­i weentsizi zabo, yenza bafumane ukonwaba kuyo.

Kungoko abazali kufuneke bebaxhasil­e ukuze bangaweli kwizandla zongendawo kuba sakha ikamva nesizwe sangomso.

Boomalume nezinye izalamane, makuphakan­ywe kuyokukrot­ywa apho umntwana ezilolonge­la khona.

Makungavun­wa sekuvuthiw­e kodwa khange sityale. Masakhe iimbethima­nqindi ezinesisek­o esiqiniley­o ukuze sixhwithe kuso ngomhla kaxakeka.

 ?? ??
 ?? ?? Umfanekiso ogciniwe: luyanda ntwanambe kumlo wakhe no Fikile Mlonyeni eorient theatrer: Umfanekiso BHEKI radebe
Umfanekiso ogciniwe: luyanda ntwanambe kumlo wakhe no Fikile Mlonyeni eorient theatrer: Umfanekiso BHEKI radebe

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa