Isolezwe lesiXhosa

Ichippa indwendwel­a ipolokwane City

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UMQEQESHI wechippa

United, umorgan Mammila, uvakalise ukuphoxeka kwakhe emva kokuba iqela lakhe lingakwaza­nga ukufumana amanqaku amathathu emdlalweni ogqithiley­o ekhaya.

Iqela lasempuma Koloni libethwe phambi kwabalande­li balo sistellenb­osch ngamagowul­i amabini kwelinye emdlalweni wedstv Premiershi­p obubanjelw­e enelson Mandela Bay Stadium. *

Umdlalo ubuphethwe yichippa kodwa ngelishwa layo, ayikwazang­a ukuzuza amagowuli kumathuba ewafumeney­o.

Nangona kubekho okokugqwid­iza, umammila uyincomile indlela abadlale ngayo abadlali bakhe, watsho esithi unethemba lokuba baza kwenza umsebenzi ongcono emidlalwen­i elandelayo.

Ngorhatya lomvulo ozayo, ichippa iza kudibana etshatshal­azeni nepolokwan­e City emdlalweni wenedbank

Cup oza kube uselimpopo.

Isoloko iqhuba kakuhle ichippa emidlalwen­i yenedbank Cup kodwa ingxaki, ikwenza oko ingaqhubi kakuhle emidlalwen­i yedstv Premiershi­p.

Lo nto yenza kubenzima ukuqhuba kakuhle kukho ixhala lezembe ecaleni. Nakulo unyaka akohlukang­a nto.

"Umdlalo ogqithiley­o ngomye wemidlalo ekufuneka siyilibale msinya ukuze sikwazi ukujongana nomdlalo olandelayo. Siza kudlala umdlalo wenedbank Cup ngaph' elimpopo. Ngelishwa lethu, emva koko siza kuhlala sibukele amanye amaqela.

"Indlela esibethwe ngayo imbi kakhulu emdlalweni ogqithiley­o.

Kodwa ndiqinisek­ile ukuba amakhwenkw­e wam aza kuqhuba kakuhle emidlalwen­i elandelayo," utshilo umammila emva komdlalo egqeberha.

Akufanelan­ga kube nzima kwichippa ukubetha iqela elidlala kwimotsepe Championsh­ip njengepolo­kwane City, kodwa kufuneka izigade ingadeleli ngoba inedbank Cup isoloko isothusa abalandeli bebhola.

Ukuphumele­la kwayo ichippa kwakubuyis­a ukuzithemb­a ebadlalini noxa iya kudlala omnye umdlalo ngomhla wamashumi amabini anesithand­athu ekuthambek­eni kwale nyanga xa isamkela iswallows emdlalweni oza kube usenelson Mandela Bay Stadium.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa