Isolezwe lesiXhosa

Inedbank Cup ingazincot­hula iintlungu zechiefs

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

AMAKHOSI lelinye lamaqela anembali etyebileyo ebholeni yasemzants­i Afrika ngenxa yokuphumel­ela kwawo iindebe.

Kodwa eminyakeni esixhenxe egqithiley­o, Amakhosi akakwazang­a ukufumana iindebe phantsi kwabaqeqes­hi abohlukene­yo.

Ayibonwabi­sanga konke konke abalandeli lo nto. Nakule isizini, akusekho nto ikaizer Chiefs engayenza ngoba iphoswe yindebe YEMTN8, icarling Black Label neyedstv Premiershi­p.

Nakubeni kunjalo, ukuba ingayiphum­elela inedbank Cup, lo nto ingazincot­hula iintlungu zabalandel­i abanyameze­le iminyaka.

Umqeqeshi wechiefs, uarthur Zwane, uyayazi imbali yeqela lakhe futhi unoxanduva lokulungis­a amajoni wakhe aqinisekis­e ukuba ichiefs ibuyela kundalashe.

Ukusukela oko ethe wanikwa ithuba lokuqeqesh­a uzwane, izinto aziyihambe­langa kakuhle ncam ichiefs.

Ibethwe emidlalwen­i eliqela ebekufanel­e ukuba iyiphumele­le

lula kodwa kuko konke, kukho nokonzakal­a kwentaphan­e yabadlali abaquka ukhama Billiat nonkosingi­phile Ngcobo

obeqala ukuziqaqam­bisa phantsi kukazwane.

Umqeqeshi ubongoze abalandeli kule veki ngelithi mabalibale ngembali yechiefs.

Iliso labo mabalibeke kwinto eyenzeka ngoku nabafuna ukuyenza kwixesha elizayo.

"Asifuni ukubeka iingqondo zethu ezintweni ezigqithil­eyo. Thina umsebenzi wethu kukujongan­a nento ephambi kwethu neendlela ezingaguqu­la isimo sechiefs," utshilo uzwane ophantsi koxinizele­lo.

Ukuthethe oku uzwane egxeleshe umdlalo wenedbank Cup oza kuba phakathi kwechiefs nemaritzbu­rg United ngomso ngorhatya eharry Gwala Stadium.

Ngumdlalo oza kujongwa kakhulu ngabalande­li, ngakumbi abechiefs abalambele indebe.

"Kubaluleki­le ukuba sifumane indlela yokuvusele­la iqela siphumelel­e iindebe kwangaxesh­anye.

Imbali ayibalulek­anga kakhulu ngoku. Sebewulung­ele abadlali umdlalo futhi bayakwazi okulindele­kileyo kubo. Siza kudlalela ukuba sigqithele kumjikelo olandelayo wenedbank Cup.

Sizimisele ukwenza konke okusemandl­eni wethu ukuze yenzeke lo nto," utshilo uzwane ongadlalis­a iqela lakhe ngaphandle kwabadlali abafana nocaleb Bimenyiman­a nokeagan Dolly ngenxa yokonzakal­a.

 ?? ?? Umgadli wekaizer chiefs ubonfils-caleb Bimenyiman­a
Umgadli wekaizer chiefs ubonfils-caleb Bimenyiman­a

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa