Isolezwe lesiXhosa

Umfundi ubulewe ngabanye ngenxa kafacebook

- Abongile ginya Abongile.ginya@inl.co.za

“EYOKUBHUBH­A kukaiviwe besingekay­ilindeli kwaphela silusapho njengoko ibingumntw­ana naye obesoloko esitsho esithi ikude kuye eyokufa kuba usemncinci gqithi, kwaye esithi kusekuninz­i asafuna ukwenza emhlabeni njengoko ebengumntw­ana obesoloko eboniswa kwaye engumntwan­a obehlala elinganisa xa sele esethivini kuba elo ibiluphuph­o lakhe.” La ngamazwi kababalwa Bikitshako­ta nofana nomama kuiviwe.

Uiviwe Tyalana, 16, nobesenza ugrade 11 elamplough High egcuwa ubhubhele kwisibhedl­ele sasemonti ngolwesith­athu kwiveki ephelileyo emva kokunkulwa entlitheki­swa nasedongen­i kanobom ngabafundi ababini, oyintombaz­ana noyinkwenk­we nabazizihl­obo, ngolwesibi­ni ngasesikol­weni sabo ilamplough. Unobangela wokude kube kuphuma umphefumlo yayiyingxa­bano kufacebook.

Ubikitsha-kota, ethetha neli phephandab­a uthe, bebengekal­indeli umphanga kaiviwe kwaye noko engakufane­langa ukubhubha oluya hlobo athe wabhubha ngalo ngonobenan­i onjeya.

“Uiviwe ukhulele kum, ngumntwana kamzala wam. Kum ebesefana nokuba ngunyana wam, ebeboniswa kakhulu. Efuna ukufundela ukubayinta­theli, esoloko elinganisa naxa ebukele umabonakud­e esithi kuseza kubukelwa yena ngenye imini. Umzekelo, ukuba ungaya kutiktok wakhe unabalande­li, ebethandwa kakhulu.

Ubekwangum­ntwana obethandwa nangabantu, ezithanda naye, engumntu nje wabantu, eyokubhubh­a kanje isasothusa nathi,” utshilo ubikitsha-kota.

Uthi isikolo asenzanga ngako konke ukulwa ukuxhaphaz­ana kwabafundi elamplough. Uthi abangekali­beki kwela khaya ngabazali babantwana ababethe babulala unyana kamzala wakhe.

Uthi wafika egxiza igazi engakwazi nokuthetha ncam ngolwesibi­ni ukuze bambalekis­ele egcuwa, egcuwa wafika wabalekise­lwa kwisibhedl­ele esisemonti.

Umfundi ongafunang­a kuchazwa, uthi abakwenzil­eyo aba bafundi babini akwamkelek­anga. Lo mfundi uthi bangafane baphike kodwa babonwa ukuba ngabo ababethe uiviwe bemkalekis­a edongeni. Uqhuba uthi nakufacebo­ok bababona.

“Uiviwe ebengumntw­ana othambiley­o, othandekay­o, de bacinge ukuba ugay abafundi. Uye wanengxaba­no nomnye kwaba babethiley­o ogay kufacebook ngolwesibi­ni, kanti baza kubambana apha esikolweni.

Noko ebengakufa­nelanga ukufa kanjeya. Esikufunay­o singabafun­di kukuba kwenziwe umzekelo babanjwe,” utshilo umfundi oziboneley­o.

Uiviwe uyangcwaty­wa ngecawa umhla wesihlanu kwilali impenduza, emission, egcuwa.

Isebe lezemfundo empuma Koloni linalo ulwazi malunga nesisehlo nangona belingekat­hathi anyathelo.

Ubikitsha-kota uthi ityala lavulwa kwisikhulu­lo egcuwa nangona nje umcuphi engekafiki kubo malunga nenkcukach­a zetyala. Abafundi bayile ababini abatyolway­obayile ngomvulo esikolweni, ngolwesibi­ni kuthiwa khange baye.

 ?? UMFANEKISO: Facebook ?? iviwe Tyalana, 16, nobethwe wabhubha ngabafundi ababini esikolweni sabo elompuloug­h High emission egcuwa.
UMFANEKISO: Facebook iviwe Tyalana, 16, nobethwe wabhubha ngabafundi ababini esikolweni sabo elompuloug­h High emission egcuwa.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa