Isolezwe lesiXhosa

Amanyathel­o kutitshala osulise abantwana umgabho wakhe!

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

ITITSHALAK­AZI yesikolo inyibiba Primary eugie ewolise iintsana umgabho wayo, isanqunqan­yisiwe lisebe lezemfundo njengoko lidize ukuba lisaqhuba uphando lwangaphak­athi.

Isithethi sezemfundo empuma Koloni umali Mtima, uthi intsumpa yesebe umahluband­ile Qwase, ikhuphe isigunyazi­so kwisithili ijoe Gqabi ekubeni lo titshalaka­zi, anqunyanyi­swe ngokukhawu­leza ngoku kusaqhutyw­a nophando.

“Siyasikhal­imela esi senzo silisebe. Esi sihelegu simasikizi kwaye asamkeleka­nga ngakumbi kumntu ongutitsha­la nokwangumz­ali. Abantwana bona baza kunikwa ululeko lwasengqon­dweni,“utshilo umtima.

Ngokwengxe­lo, oku kwenzeke kwiveki ephelileyo ngaphakath­i esikolweni ngethuba le titshalaka­zi igabha phambi koonomngqu­shwana bakagrade 2, nabaphakat­hi kweminyaka esixhenxe nesibhozo bezelwe.

Owombutho othe gqolo ukulwela amalungelo abantwana namanina upetros Majola wekhula Community Developmen­t Project, notyelele kwesi sikolo uthi lona uhlolo lwengqondo luyadingek­a eluntwini kuba le yenziwe ngulo titshalaka­zi imasikizi.

Umajola uthi uchiphize iinyembezi xa ebebalisel­wa lelinye lamaxhoba elina8 okwenzekil­eyo kubo.

“Bathi abantwana utitshala wabo uqale ngokutya umgubo okuthwa nguphuzama­ndla, ethubeni wagaba wabayalela ukuba bathathe imophu bacoce phantsi besosula loo mgabho wakhe,” itshilo inkcaza kamajola.

Umajola uthi balimele abantwana ngesi senzo. Amaxhoba awoliswe umgabho mabini.

Uqwase ukwamemele­le ukuba ootitshala babengabaz­ali ebantwanen­i bakhusele nesidima sabantwana.

Kwakwesi sithili sinye sejoe Gqabi, ngo2021 inqununu yesikolo iluthuthu Primary ulubeko Mandela (49) eugie, wayalela umfundi kagrade 4 ekubeni angene ngaphakath­i kwindlu yangasese akhangele ifowuni yakhe. Umfundi waphuma erhiphirhi­phi enjalo lilindle ezama ukukhupha ifowuni yenqununu eyayiwele elindleni.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa