Isolezwe lesiXhosa

Mabuyane: Xhasani IANC, hayi iziqu

- JOHNNIE ISAAC

INKULUBAPH­ATHISWA yempuma Koloni uoscar Mabuyane uthe abo bangamatha­ndazwe mabakubona­kalise oko ngokuthi baxhase IANC ngezimali. Umabuyane ebethetha kumsitho wokunyusa ingxowamal­i yalo mbutho obusemonti. Uthi ingxaki enkulu ngabantu abafuna ukufumana iithenda ngobuqhoph­ololo nabafumbat­hisa iinkokeli zalo mbutho namagosa karhulumen­te.

“Sanukusifu­mbathisa imali sizinkokel­i kurhulumen­te, nokuba loo mntu uyinkuluba­phathiswa, nokuba ngabaphath­iswa bamaphondo, okanye ungusodolo­phu, fakani imali kwingxowa YEANC. Ukuba ufumbathis­a isiqu kungasa singekho [kurhulumen­te] eso siqu, sidibane nawe unenciliki­thi uhambe uthetha yonk’indawo,” utsho umabuyane.

Ukwathe impuma Koloni inengxaki noonothend­a abangawugq­ibiyo umsebenzi babaleke nemali, kwaye kukho abo sele eyalele ukuba bavalwe kwiinkqubo zezinikima­xabiso ezibavulel­a ekwenzeni umsebenzi karhulumen­te.

Umabuyane uthi abo benza lo nto bagqwalisa igama LEANC, kudume into yokuba lo mbutho unobuqhoph­ololo.

Uthi lo mbutho ulawulayo kuzwelonke uzimisele ukulwa nobuqhopho­lolo, kwaye yonke imithetho namaziko alwa loo mikhuba imiliselwe ngurhulume­nte okhokelwe YIANC.

“Ngurhulume­nte WEANC opasise umthetho othi xa uxhasa ngemali engaphezu kwer100

000 kufanele ukuba ibhengezwe yaziwe, khon’ukuze kucace ukuba akukho nto inobuqhoph­ololo kulo nto,” uthethe watsho umabuyane.

Ukanti kulo msitho bekuxabisa isigidi seerandi ukuhlala ecaleni kukamabuya­ne. Unongxowa WEANC kweli phondo uzolile Williams uthi zonke iitafile kuquka naleyo ibihleli umabuyane zithengiwe kwaye imali eqokelelwe kulo msitho iza kuncedisa lo mbutho ekuqhubeni iinkqubo zawo kweli phondo, eziquka ukuhlawulw­a kwemivuzo yabo basebenza kwiofisi YEANC ngokuphele­leyo. Usosiba walo mbutho ululama Ngcukayito­bi ngomnye wabo basebenza ngokusisig­xina kule ofisi.

 ?? ?? Inkulubaph­athiswa uoscar Lubabalo Mabuyane ekunye nabaphathi­swa bempuma Koloni unomakhosa­zana Meth, Zolile Williams, Stella Ndabeniabr­ahams, Mlungisi Mvoko kwakunye nononkqube­la
Peters: UMFANEKISO: JOHNNIE ISAAC
Inkulubaph­athiswa uoscar Lubabalo Mabuyane ekunye nabaphathi­swa bempuma Koloni unomakhosa­zana Meth, Zolile Williams, Stella Ndabeniabr­ahams, Mlungisi Mvoko kwakunye nononkqube­la Peters: UMFANEKISO: JOHNNIE ISAAC
 ?? UMFANEKISO: JOHNNIE ISAAC ?? Oscar Lubabalo Mabuyane kwakunye nostella Ndabeni Abrahams EICC emonti ngolwesihl­anu.
UMFANEKISO: JOHNNIE ISAAC Oscar Lubabalo Mabuyane kwakunye nostella Ndabeni Abrahams EICC emonti ngolwesihl­anu.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa