Isolezwe lesiXhosa

‘Kudala ndafuna ukuba ngugqirha’

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

OMNYE wabafundi abagqwesil­eyo kugrade 12 ku2022, usibulele Natuse, ngoku sele esondele ekufezekis­eni iphupha lakhe lokubangug­qirha.

Lo mfundi obefunda elumko eduncan Village, uphumelele ngeedistin­ction ezisixhenx­e. Okwangoku ungumfundi wezonyango kwiyunives­ithi yasekapa.

Unatuse uthi ukubangugq­irha ibisoloko iyinjongo yakhe. “Kudala ndafuna ukubangugq­irha ukusukela kwibanga lokuqala. Ndifuna ukunceda uluntu, abantu bam.

“Ndikholelw­a ukuba ndineempaw­u ezifana novelwano, ukumamela kunye nezakhono zokusombul­ula iingxaki, njalo njalo. Kananjalo, andizukuba ngumfundi ophumelele isidanga ongaphange­liyo njengoko kukho imfuneko yoogqirha kweli lizwe,” utshilo unatuse.

Lo gqirha wexesha elizayo uchaze ixesha lakhe kwisikolo samabanga aphakamile­yo njengelona linzima ebomini bakhe. Umthwalo womsebenzi uthi ngomnye wemingeni ebenayo kugrade 12, kodwa kwafuneka eze neendlela ezahlukene­yo zokuhlanga­bezana nale ngxaki.

“Xa iimviwo bezisondel­a, bendiye ndivale zonke iiakhawunt­i zam zonxibelel­wano kuba unxibelelw­ano sesinye sezizathu ezibangela ukuba uninzi lwabafundi bazibekel’ amangomso,” utshilo.

Uthi impumelelo yakhe ikootitsha­la, usapho, abahlobo kunye neenkqubo zemfundo ezifana NOJENN kunye NE-EMSS. Kwixesha elizayo uzibona eqhuba eyakhe indawo yonyango.

Ukhuthaza abafundi bebanga leshumi baka2023 ukuba benze iinzame ezingakumb­i.

“Sebenza ngokuzimis­ela namhlanje, uza kufumana ezona ziphumo zintle ngomso. Kholelwa ukuba uyakwazi. Khumbula ukuba kungcono ukujolisa phezulu uphose kunokujoli­sa phantsi ubambe,” ucebise watsho.

 ?? UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? Usibulele Natuse ongomnye wabafundi abaphumele­le emagqabini ugrade 12 nofundela ezonyango kwiyunives­ithi yasekapa.
UMFANEKISO: UTHUNYELWE Usibulele Natuse ongomnye wabafundi abaphumele­le emagqabini ugrade 12 nofundela ezonyango kwiyunives­ithi yasekapa.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa