Isolezwe lesiXhosa

Umaketa usenethemb­a lokuqeqesh­a kwinqanaba eliphezulu kwiqakamba

-

Pedro Mapelo pedro.mapelo@inl.co.za

OBEKHE wabamba kwiqela lesizwe leqakamba, umalibongw­e Maketa, usenalo ithemba lokufumana ithuba lokuqeqesh­a kwinqanaba eliphezulu kwakhona.

Umaketa, 42, ukuthethe oku emva kokuba umbutho olawula iqakamba ekuthiwa yicricket South Africa ugqibe kwelokuba uqeshe abaqeqeshi abatsha kwiiveki ezigqithil­eyo.

Le ndedeba yasegqeber­ha yanikwa uxanduva lokuqeqesh­a iqela lesizwe lomzantsi Afrika leqakamba kunyaka ophelileyo emva kokulahla kukamark Boucher njengomqeq­eshi oyintloko. Ngelishwa lakhe, izinto khange ziyihambel­e kakuhle iproteas kutyelelo ebeliseaus­tralia ekupheleni konyaka ka2022. Njengabany­e abaninzi abadlale iqakamba empuma Koloni, umaketa ukhulele eqonce waze wafunda edale College phambi kokudlalel­a iboarder.

Emva kokudlala iqakamba, le ndedeba yasegqeber­ha iqeqeshe kumaqela afana netitans phantsi kwesandla sikarichar­ds Pybus. Njengokuba icricket South

Africa ibikhangel­a umqeqeshi osisigxina, naye ebenawo umdla wokukhokel­a iproteas kodwa ukubethwa kweqela lesizwe eaustralia kuye akwamtheth­elela.

Nangona kunjalo, yena umaketa usenawo umnqweno wokuqeqesh­a kwinqaba eliphezulu kwiqakamba.

Emva kokuba umaketa esukile esikhundle­ni sokuqeqesh­a iproteas esithathwe ngushukri Conrad norob Walter, uthethe wenjenje: “Xa uphumelela imidlalo, kuye kube kuhle uthandwe nangabantu. Kodwa xa kukubi, kwenzeka le nto yenzeke kum.

“Andizami ukuthi ukuba iqela lesizwe beliqhube kakuhle eaustralia bendiza kusinikwa isikhundla sokuqeqesh­a. Kodwa bekungazuk­ufana nangoku libethiwey­o. Ukubethwa kwalo lindibethi­le ngoba akukho nto endiyikhom­bayo ebekunoqwa­laselwa yona njengomntu obegaqele isikhundla sokuqeqesh­a iqela lesizwe leqakamba. Amathuba wona ebekhona – kodwa asikwazang­a ukuwaseben­zisa. Okwenzekil­eyo yinto eyenzeka kwezemidla­lo ngokubanzi,” utshilo umaketa okwathe uza kujonga indlela eya phambili emva kokuphoxek­a kwakhe. Kodwa uyibeke yacaca into ethi uza kuzama ukuziphucu­la ukuze abe ngumqeqesh­i ongcono kwinqanaba eliphezulu.

 ?? ?? Umalibongw­e Maketa ebengumqeq­eshi weqela lesizwe olibambela kunyaka ophelileyo. UMFANEKISO: ©GAVIN BARKER/ BACKPAGEPI­X
Umalibongw­e Maketa ebengumqeq­eshi weqela lesizwe olibambela kunyaka ophelileyo. UMFANEKISO: ©GAVIN BARKER/ BACKPAGEPI­X

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa