Isolezwe lesiXhosa

Imfundo inganceda iimbethima­nqindi zixhamle kushishino lwamanqind­i

- Sonwabo Nogqala

UMBELE wamanqindi okanye ushishino lomdlalo wamanqindi unamacande­lo amaninzi.

Lo mbele ungancanci­sa iimbethima­nqindi, abaphathi, abathandi kunye nabalandel­i. Eminye yemizekelo yalo mqokozo yile ilandelayo:

1. Ubuqeqeshi, 2. abatheleki­si, abasasazi, ukwenza iimpahla zamanqindi, ukuzitheng­isa nokuba ngumlawuli. Nangona umdlalo wethu ungumdlalo ofuna umntu azinikele, lo nto yenza kube nzima kwabaninzi ukufunda ukuze kucwangcis­eke ikamva labo ngendlela.

Into yokungakwa­zi ukucwangci­sa nokufunda kuzibethil­e iimbethima­nqindi ezininzi ezazidumil­e. Ziphile nzima emva kokuba zibeke phantsi emanqindin­i, kwabanzima nokungcwat­ywa kwezinye.

Ubukhulu becala emanqindin­i, imbethiman­qindi irhola xa inomlo kwaye ofumileyo iba ngumlo onentshing­a yelizwe okanye eyehlabath­i oza kanye kwisithuba seenyanga ezintathu ukuya kwezintand­athu.

Iba lithamsanq­a xa ithe yathandwa ziinkampan­i ezithile zayixhasa, ziyinike isonka esibonakal­ayo qho ngenyanga. Asisoze simfimfith­e kulo mbele ubhongxile­yo wamanqindi ukuba asifuthwan­ga ngezakhono.

Ngamanye amazwi, sifundiswe kumaziko emfundo aphakamile­yo. Ndiyazi kunzima ukufunda xa uyimbethim­anqindi ngenxa yokuba usoloko usendlelen­i usilwa kumazwe ngamazwe. Kodwa kufuneka kubekho iscwangcis­o ukuze singafipha­li. Abaphathi beembethim­anqindi banoxanduv­a lokuqinise­ka ukuba imbethiman­qindi iyaxhaswa kwangethub­a kwicala lemfundo kumaziko afanelekil­eyo kwaye basoloko bephose iliso kwinkqubel­a yembethima­nqindi.

Xa ilungisele­la umlo okude nelo ziko ifunda kulo, bahlale phantsi nenqununu kwenziwe isisombulu­lo sokuba ingashiyek­i ezifundwen­i.

Oku kungenzeka xa kukho ubuhlobo obuluqilim­a phakathi kwamaziko nabaphathi beembethim­anqindi. Ndiyazi ukuba eyona njongo edibanisa imbethiman­qindi nabaphathi kukukhwela eqongeni, kodwa ukuyikhath­alela kweli candelo kungancedi­sa kakhulu ukuze kuphucuke umlo nendlela ephila ngayo.

Xa sijonga kushishino lwamanqind­i, uninzi lwezinto endizikhan­kanyileyo zidinga ukuba ubani abe uyile esikolweni. Umzekelo ocacileyo ngokagqirh­a Loyiso Mtya, owayesakub­a yimbethima­nqindi kodwa owazixhobi­sayo ngemfundo. Kaloku umqadi omkhulu ukhe warhabula ngamandla kwanokhole­ji.

Ingxam yomxholo wam kukuba masenze imfundo ibe sisiseko seembethim­anqindi zethu ziselula ukuze zikwazi ukuncanca kugxothwe ikati eziko.

Phambili ngokufunda kwembethi manqindi, phambili!

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa