Isolezwe lesiXhosa

Ipirates ibeke iliso layo kwiswallow­s!

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

NANGONA isazikhoth­a amanxeba emva kokubethwa ngempelave­ki egqithiley­o, iorlando Pirates iya kwiswallow­s FC incwase ukufumana amanqaku amathathu.

La maqela mabini asesoweto aza kudibana emdlalweni wedstv Premiershi­p oza kutshisa bhe edobsonvil­le Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngomso.

Ezimnyama ziya edobsonvil­le Stadium zinomsindo emva kokubethwa yikaizer Chiefs ngegowuli elinye elifakwe nguolisa Ndah ngempazamo emdlalweni obudikidik­i EFNB Stadium.

Ukubethwa kwepirates kuyivimbe ithuba lokususa isuperspor­t United kwindawo yesibini kwatsho kwaphazami­seka nelinge layo lokubuyela kwicaf Champions League okwethutya­na.

Noxa ipirates inabadlali engabetha ngawo amaqela ekhuphisan­a nawo, kodwa ngeke iswallows ifune ukubethwa ebaleni layo.

Ngakumbi emva kokuba iswallows izuze amanqaku apheleleyo ngokubetha ichippa United ngamagowul­i amabini kwelinye egqeberha kwiveki ephelileyo.

Isekelamqe­qeshi, usergio Almenara, uthe into kufuneka bayiphose kwelokulib­ala yeyokubeth­wa kwepirates ukuze bajongane neswallows.

Uza kubuyela esikhundle­ni sakhe ujose Riveiro emva kokuphoswa kwakhe yimidlalo emibini ngenxa yokusikwa kwakhe.

“Akumnandan­ga kubalandel­i bepirates kwaye kunjalo kubadlali nakuthi baqeqeshi. Inye ngoku into eza kusinceda kukuba silungisel­ele ukuqubisan­a neswallows.

“Sizama ukujongana nomdlalo omnye ngexesha. Ngoku yiswallows ephambi kwethu,” utshilo olisekela likariveir­o.

Okuye kwakubi ngakumbi kukuba ichiefs iyibethe kuyo yomibini imidlalo yedstv Premiershi­p yesizini eqhubekayo. Ipirates igqibe umdlalo ingaphelel­anga ngenxa yekhadi elinikwe uinnocent Maela.

“Kuye kwanyanzel­eka ukuba senze iinguqu ngenxa yekhadi elibomvu elinikwe umdlali wethu. Sifake umdlali oza kusinceda emva ngoba besisazi ukuba siza kuba phantsi koxinizele­lo,” utshilo ualmenara.

Ngumdlalo lo uernst Middendorp angathanda ukuwuphume­lela njengokuba ezama ukusindisa iswallows ezembeni.

Uthembinko­si Lorch weorlando Pirates nopentjie Zulu weswallows FC emdlalweni wedstv Premiershi­p kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: ©Gavin Barker/backpagepi­x

Umsebenzi wakhe ufumene ufunqu emva kokuba iswallows FC ibethe ichippa United kwimpelave­ki egqithiley­o. Imidlalo yedstv Premiershi­p: Lwesihlanu: Swallows FC vs Orlando Pirates @Dobsonvill­e Stadium, 19:30

Mgqibelo: Richards Bay

FC vs Kaizer Chiefs @King Zwelithini Stadium, 15:30; Royal Am vs Sekhukhune United @ Chatsworth Stadium, 17:30; Maritzburg United vs Cape

Town City @Harry Gwala Stadium, 20:00

Cawa: Chippa United vs Amazulu @Nelson Mandela

Bay Stadium, 15:30; Marumo Gallants vs TS Galaxy @

Free State Stadium, 15:30; Stellenbos­ch FC vs Mamelodi Sundowns @Daine Crave Stadium, 15:30; Supersport United vs Golden Arrows @ Lucas Moripe Stadium, 17:45

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa