Isolezwe lesiXhosa

Uncobo ubuyela kwipsl emva kweminyaka eyi14

-

PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UBUYELE kwipremier Soccer League (PSL) kwakhona uandile “Ace” Ncobo emva kweshumi elinesine lonke leminyaka wayinikela umva.

Oku kwenzeke emva kokuba IPSL ibhengeze ukuchongwa kwakhe njengomlaw­uli oyintloko wayo.

Uncobo owayesakub­a ngomnye woosompemp­e abathe qabavu ebholeni yasemzants­i Afrika nakwizweka­zi leafrika, ebengumseb­enzi kwasupersp­ort TV apho ebehlaluty­a khona umsebenzi owenziwe ngoosompem­pe rhoqo ekuqaleni kweveki.

Le ndedeba yasenqadu, kugatyane ibuyela kwisikhund­la eyakhe yahlala kuso ukusukela ngonyaka ka2008 ukuya ku2009.*

Wabeka phantsi uncobo emva kokuthimli­swa liphunga lezityholo ezavela kuphando olwaluband­akanya iqela eliphambil­i kwipsl.

“Andikwazi ukungasabe­li xa ndibizwa,” utshilo uncobo kubalandel­i bakhe kufacebook emva kwesibheng­ezo SEPSL. Ungena kwisikhund­la esingazang­e kwangena mntu kuso ukusuka ngala nyaka wahamba ngawo.

“Ibhola ekhatywayo yinto endiyiphil­e ukusukela ebuncinane­ni bam. Yinto engaphaya kwamashumi amahlanu ndisebhole­ni ekhatywayo ngeendlela ezahlukene­yo. Ndiziva ndiwongeki­le yintembeko eboniswe kum YIPSL. Umsebenzi sowuqalile,” utshilo uncobo.

Kunokwenze­ka ukuba abaphathi BEPSL bazama ukunqanda umonakalo ongenzeka emva kokuhamba kwabaphath­i abathile kwiinyanga ezidlulile­yo. Kwisibhili­vana esikhutshw­e YIPSL, akukho zinkcukach­a zikhutshiw­eyo ngomsebenz­i aza kuwenza ngaphandle kokuthi:

“IPSL yazisa ukuchongwa kukaandile “Ace” Ncobo njengomlaw­uli omtsha.”

Ingathi uza kuqhubela phambili uncobo njengomhla­lutyi kwasupersp­ort TV. Ngoku isikhundla esingekava­lwa sesengqony­ela kwipsl.

Kwabamba kuso umato Madlala ukusukela oko kwahamba ubrand de Villiers.

Abantu abafana notim Sukazi wets Galaxy abakholwa kukukhokel­wa ngumadlala ongumnikaz­i welamontvi­lle Golden Arrows ekhuphisan­a namanye amaqela kwipsl.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa