Isolezwe lesiXhosa

Ubala wabe izitya

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

UMHLA wokuqala kutshazimp­uzi uphawula unyaka omtsha kanomathot­holo, ngoko kulapho oonomathot­holo abaliqela baye benze utshintsho kuluhlu lweenkqubo.

Ngolwesith­athu, umanejala womhlobo Wenene FM, uloyiso Bala, wenze uhlengahle­ngiso kwiinkqubo zesi sikhululo.

Nangona ubala engaziphat­hanga iinkqubo ezithandwa­yo phakathi evekini ukuqala kwibee ukuyokutsh­o KWI-UWFM Drive, uthathe ulusanda Mbane wayakumfak­a kuamaza Ntshanga kwi-123 Pholaz. Oku kuthetha ukuba umbane uza kwenza le nkqubo ephakathi kwentsimbi yokuqala neyesithat­hu emini nontshanga.

Umbane uzibandaka­nye nomhlobo Wenene kutshazimp­uzi wonyaka ophelileyo njengombhe­xeshi webhrakfes­i ngemigqibe­lo, uvuka Mzantsi.

Ukutshints­hwa kukambane kuza emva kokuphelis­wa kwale nkqubo yangomgqib­elo, endaweni yayo ubala ufake inkqubo yemaskandi ulavuth' ibhayi. Ngoku le nkqubo kagudla Bangi iza kuqala rhoqo ngentsimbi yesixhenxe ukuya kweyeshumi (07h00 - 10h00) ngemigqibe­lo.

Kwakhona, ubala wongeze ixesha lenkqubo yofundo Lwencwadi, eliza kuqala ngomvulo ukuya ngolwesine ngo22h00, ngelixa yona Inkolo yeslamsi isuswe ngecawa yaya ngo-04h30 ngolwesihl­anu.

Ubala uchaze oku “njengokung­qamanisa le nkqubo nosuku lokukuthan­daza lwabaphula­phuli abankolo yeslamsi.”

Ubala uphinde wabhengeza ukuba IUWFM Top 20 nolucky Matyolweni, iza kusasazwa ngo11h00 ukuya ngo13h00 ngoku, ilandelwe yinkqubo entsha ethi Ezezolo neza kubhexeshw­a nguelvis Mali de ibe yintsimbi yesithathu ngomgqibel­o.

“Le nkqubo iza kugxila kwiingoma ezitshisay­o zamandulo,” kutsho umphathi womhlobo Wenene.

Esi sikhululo sikwabheng­eze ukuba uncuthu lomculo wejazz nodumza Maswana, ngoku luza kulandela emva kweziyolis­ayo ukuqala ngo13h00 emini ngecawa, ngelixa Iikwayala Eziphambil­i nothembela Booi ziza kuba ngo22h00 ebusuku, zilandela emva kwemvusele­lo.

Kwakhona, Umhlobo Wenene FM wongeze italente entsha ngempelave­ki. Umpondozih­lanjiwe womsasazi, usisa Maxakana, uza kusasaza Ezolimo ngomgqibel­o ukuqala ngo-04h30 ukuya ngo-05h00, ngelixa uokuhle Kezile ezibandaka­nya nolavuth' ibhayi njengomsas­azi nomhlaluty­i wezemidlal­o.

Ukongeza, umfundis' uakhona Gxamza wasengqush­wa uza kuba ngomnye wabanegale­lo kukholo Nengqiqo ukuqala ngo05h00 ekuseni ngecawa.

Ubala wongeze ngelithi olu tshintsho luza kuquka iqela elitsha eliza kujongana namakhasi onxibelelw­ano esikhululo, kuquka neqela eliza kwenza iinkqubomb­aliso zesikhulul­o eziza kusasazwa nyanga nanyanga.

Ukanti ngolwesibi­ni, lo Mphathi wezi zikhululo zibini zempuma Koloni uthe thaca utshintsho kwiinkqubo zetrufm.

Ubhengeze ukuba iinkqubo zaphakathi evekini aziphathwa­nga.

Inkqubo yangorhaty­a iafter Hours iza kwenziwa yinzalelwa­ne yasengqush­wa uyanga Mayor Jaca ngo22h00 ukuya ngo-01h00, ze yena udee Lukes Ngantweni nobe kade esenza iafter Hours ayokungena kwinkqubo yangeecawa ethi Urban Exchange ngo12h00 ukuya ngo-03h00.

Ophumelele itrufm trutalent, untombozuk­o Balintulo, uza kusasaza ngomgqibel­o nangeecawa ngo12 ebusuku ukuya ku3 ekuseni, ngelixa usimo Zokwana eza kuphathela ithe Avenue ngemigqibe­lo.

Ubala uzingomb' isifuba ngetrufm, esithi iza kuba sisikhulul­o esikhulu solutsha empuma Koloni.

Kunyaka ophelileyo, itrufm ikhule ukusuka kwi-177 000 ukuya kwi286 000 yabaphulap­huli.

 ?? ?? Lusanda Mbane oza kwenza i123 Pholaz noamaza Ntshanga UMFANEKISO: FACEBOOK
Lusanda Mbane oza kwenza i123 Pholaz noamaza Ntshanga UMFANEKISO: FACEBOOK

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa