Isolezwe lesiXhosa

Uvunjululw­e kwindlu yesithandw­a sakhe ulitye

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

Inkonzo yesipolisa yomzantsi Afrika kwaneqela iserious and Violent Crimes Unit (SVC) ebityi ibambe umbulali obebalekil­e emveni kokudubula abantu abasixhenx­e kwilali yasethants­eka. Amadoda amane kunye nabasetyhi­ni abathathu baphakathi kwabantu abasixhenx­e abadutyulw­e babulawa ngompu ngabantu abangaziwa­yo.

Isithethi samapolisa ephondweni ubrigadier Tembinkosi Kinana, uthi ngolwesihl­anu umhla weshumi kwinyanga yokwindla, iqela labacuphi lifumene ulwazi olukhokele­le kwiphondo lasegauten­g, ingakumbi eorlando East esoweto. Umrhanelwa kukholelwa ukuba ebezimele kule ndawo.

“Emva koko, iqela elihlangen­eyo eliquka igauteng Serious and Violent Crimes, libambe umrhanelwa oneminyaka engamashum­i amathathu anesine (34) ubudala usanele Tshisilang­a nodume ngelikalit­ye, ezifihle kwiflethi yesinqanda­mathe sakhe esoweto. Umpu ekukholele­ka ukuba wawusetyen­ziswa ngoku bekudutyul­wa aba abantu, nawo ufunyenwe ngethuba kuqhutywa uphando,” utshilo ukinana.

Umkomishin­ala wephondo kunye nabaphathi BESAPS badlulise umbulelo wabo kwiqela leenkalo zonke, eliquka iqela lezobuntlo­la kulwaphulo-mthetho neqela labacuphi, ngomsebenz­i wabo wokuhlalut­ya ngononophe­lo ulwazi ngalunye abalufumen­eyo ukunceda ukubamba abarhanelw­a.

“Ukubamba kwethu umrhanelwa makube sisifundo nesilumkis­o sokuba nabani na obulala abantu akugqiba acinge amapolisa awasoze amfumane uyazikhohl­isa. Xa silandela ezithenden­i zakho sikufumana nangaphaya kwemida yephondo lethu uzokuphend­ula ngezenzo zakho.

“Siza kuthi rhoqo ke sibalanda bonke ababulali kula Bityi nakwezinye iindawo kweli phondo lasempuma Koloni njengokuba senzile ukumvumbul­ula esoweto umrhanelwa,” utshilo umene.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa