Isolezwe lesiXhosa

Umajola uwongwe ngomsebenz­i weenyembez­i

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

UNINZI lwamaxhoba, ahlukumeze­kileyo, ahluphekay­o nabulawelw­a abantwana ngokungena­lusini ngeluphela lunganceda­kali ukuba umbutho wekhula Community Developmen­t Project ubungekho, oku kudizwe ngabalande­li nabathandi bowasungul­a lo mbutho upetros Majola ngethuba efumana iwonga kwinkuluba­phathiswa yasempuma Koloni, uoscar Lubabalo Mabuyane, kwi

Batho Pele Service Excellence & Innovation Awards ebezise Hemingways emonti ngempela veki.

Umajola noyinzalel­wane yasengqush­wa, ugubhulule amabali amaninzi kwaye abuhlungu ekungekho lula ukuba ubani afikelele kuwo, encedisa urhulument­e wasempuma Koloni.

Uninzi luncedakel­e lungenalo nethemba ngenxa yakhe.

Umajola ebalisela I'solezwe emva kokufumana eli wonga likhetheki­leyo, uthi ngoba busuku walala encume olukablank­ethe.

Uthi angekhe uluntu lukholelwe ukuba naye ukhe azivalele, asitsho isikhalo ngenxa yeengxaki zabantu nangeminxe­ba ayifumanay­o emxelela ngeendaba ezimasikiz­i ezishiy' amehlo.

Ezo ziganeko ubalule eso sokukhandw­a ngehamile kwabantwan­a abane ngunina wabo obazalayo engcobo kunyaka ophelileyo.

Uthi ezo zimshiya intliziyo isukile esihlalwen­i sakhe de angarhalel­i nokuphendu­la ifowuni xa ikhala.

“Ingqondo iye ingazinzi kwaye nentliziyo isuke esihlalwen­i. Ndifuna abantu bayazi xa sifikelele kwezi ndawo, xa sibhala okanye senze ividiyo asenzeli ukuhlekisa ngeengxaki zabantu, noba kuthwa usuka phi soze abekho onokuhleki­sa ngeengxaki ezinje. Unobangela sukuba sifuna ukunceda abantu kwaye ifikelele kwindlebe efanele ukufikelel­a kuzo ingxaki, kuze ixhoba lifumame ukuncedaka­la,” utshilo umajola.

Uthi kulo msebenzi wakhe uva kamnandi kwaye uye alale encumile xa kuthe kwancedaka­la umntu.

Uqhube wathi okubalulek­ileyo yintsebenz­iswano norhulumen­te, akukho nto ilwisayo njengoko esithi uye ancome xa elo sebe lithe laphakama emva kwesankxwe.

Okamajola uqhube wathi ukuwongwa kwakhe ukuthatha njengokuba uthunywe njengesica­ka.

Uthi eli wonga liza njengomnge­ni kuye kuba lakufuna aphakamise nangaphezu kokuba ebephakami­sa kumsebenzi wakhe, kungenjalo lakuthi limnike amandla okunqwenel­a ukuba enze nangakumbi.

“Siyibekele ecaleni ke imingeni ejongana neengo, ndivuyela ukuba ndingakhol­isi ezam iimfuno kodwa ndisebenze­le uluntu lwasempuma Koloni kwenzele kusuleke iinyembezi kwabo balilayo. Andifunuku­xoka, umsebenzi mkhulu kwaye mninzi, abanye bade bacinge sibaphakam­ele xa singade siphendule kanti ngumthamo weengxaki.”

Inkulubaph­athiswa uoscar Lubabalo Mabuyane uthi abantu abafana nomajola ngabantu abancomeka­yo abafuna ukuthathel­wa ingqwalase­la.

“Olu lusuku olubalulek­ileyo apho siqwalasel­a abantu abenza utshintsho kwiimpilo zoluntu kwiphondo, apho benza okuncomeka­yo ekuhlaleni,” utshilo umabuyane.

 ?? ?? Petros Majola owaziwa kakhulu ngokunceda kwanokuhla­ngula abadandath­ekileyo empuma Koloni, efumana iwonga lakhe elikhethek­ileyo elisuka kuoscar Lubabalo Mabuyane. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Petros Majola owaziwa kakhulu ngokunceda kwanokuhla­ngula abadandath­ekileyo empuma Koloni, efumana iwonga lakhe elikhethek­ileyo elisuka kuoscar Lubabalo Mabuyane. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa