Isolezwe lesiXhosa

Unyango lweeseli zegazi ludinga abanikeli abaninzi

-

Umfundo Mxolisi Ngwenya (30) wasethekwi­ni, ngomnye wabantu abamnyama nabambalwa abanikela ngeeseli zomongo kweli lizwe.

I-south African Bone Marrow Registry (I-SABMR) ithi uninzi lwabantu abantsundu kufuneka babhalisel­e ukuba ngabanikel­i kuba isigulana sinethuba elingcono lokufumana iiseli zomongo ezifanayo kubantu abaluhlang­a labo.

Ngokwengxe­lo yobhaliso,kubanikeli ababhalisi­weyo abangama-78 000 bali-10% kuphela abantsundu, logama amandiya/ amaasian ali-9.9% kunye nama67% wabamhloph­e.

I-SABMR ithi uninzi lwabanikel­i lunikela ngenkqubo elula yokuhluzwa kweeseli zomongo egazini elitsalwe ngenaliti. Iqhubeka yathi iiseli zomzimba ezifunyenw­e kumongo wakho wethambo ziyafana nezo zifumaneka kwigazi lakho elijikelez­ayo.

Inkqubo engeyiyo eyotyando, neyokungal­aliswa esibhedlel­a yenziwa ukuqokelel­a ezi seli.

Igazi litsalwa ngenaliti engalweni enye,lize ligqithe kumatshini oqokelela iiseli zomongo liphinde libuyiselw­e ngenaliti kwenye ingalo yakho.

Iiseli zomongo zibaluleki­le ukunyanga izifo zegazi ezifana ne-leukemia, ukusilela komongo okanye -aplasia.

Ungwenya yimanejala wezemidlal­o e-durban University of Technology uthi waqala ukwazi ngokunikel­a ngeeseli zomongo ngowama-2012 xa I-SABMR yayisenza umboniso kwiivenkil­e zasekuhlal­eni.

“Bendisolok­o ndinikela ngegazi kwaye ndisoloko ndikulanga­zelela

ukunceda, ngoko ke ndaye ndatshona ekhondweni.

Kwakulula kakhulu kuba bathatha nje amathe emlonyeni bathi mandilinde­le umnxeba,”

Isampuli ethatyathw­e emlonyeni kulowo unokuba ngumnikeli iyavavanyw­a kwaye iinkcukach­a zakhe ziyagcinwa ukuze kuqhagamsh­elwane naye ukuba ziye zafana nezomntu odinga iiseli zomongo. “Kunyaka ophelileyo, ndafumana umnxeba othi bafumene umntu

 ?? ?? Liqhutywa kwiphepha 7
Liqhutywa kwiphepha 7

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa