Unyango lweeseli zegazi ludinga abanikeli abaninzi
Umfundo Mxolisi Ngwenya (30) wasethekwini, ngomnye wabantu abamnyama nabambalwa abanikela ngeeseli zomongo kweli lizwe.
I-south African Bone Marrow Registry (I-SABMR) ithi uninzi lwabantu abantsundu kufuneka babhalisele ukuba ngabanikeli kuba isigulana sinethuba elingcono lokufumana iiseli zomongo ezifanayo kubantu abaluhlanga labo.
Ngokwengxelo yobhaliso,kubanikeli ababhalisiweyo abangama-78 000 bali-10% kuphela abantsundu, logama amandiya/ amaasian ali-9.9% kunye nama67% wabamhlophe.
I-SABMR ithi uninzi lwabanikeli lunikela ngenkqubo elula yokuhluzwa kweeseli zomongo egazini elitsalwe ngenaliti. Iqhubeka yathi iiseli zomzimba ezifunyenwe kumongo wakho wethambo ziyafana nezo zifumaneka kwigazi lakho elijikelezayo.
Inkqubo engeyiyo eyotyando, neyokungalaliswa esibhedlela yenziwa ukuqokelela ezi seli.
Igazi litsalwa ngenaliti engalweni enye,lize ligqithe kumatshini oqokelela iiseli zomongo liphinde libuyiselwe ngenaliti kwenye ingalo yakho.
Iiseli zomongo zibalulekile ukunyanga izifo zegazi ezifana ne-leukemia, ukusilela komongo okanye -aplasia.
Ungwenya yimanejala wezemidlalo e-durban University of Technology uthi waqala ukwazi ngokunikela ngeeseli zomongo ngowama-2012 xa I-SABMR yayisenza umboniso kwiivenkile zasekuhlaleni.
“Bendisoloko ndinikela ngegazi kwaye ndisoloko ndikulangazelela
ukunceda, ngoko ke ndaye ndatshona ekhondweni.
Kwakulula kakhulu kuba bathatha nje amathe emlonyeni bathi mandilindele umnxeba,”
Isampuli ethatyathwe emlonyeni kulowo unokuba ngumnikeli iyavavanywa kwaye iinkcukacha zakhe ziyagcinwa ukuze kuqhagamshelwane naye ukuba ziye zafana nezomntu odinga iiseli zomongo. “Kunyaka ophelileyo, ndafumana umnxeba othi bafumene umntu