Isolezwe lesiXhosa

Amayeza aphelelwey­o

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

NGOLWESINE umhla wesithoba kweyokwind­la, umbindi wedolophu yasemonti uye wama ngxi ngenxa yokugqogqw­a kweevenkil­e zabemi bangaphand­le njengenyat­helo lokuqinise­kisa ukuba amashishin­i ayayithobe­la imiqathang­o yezempilo nokhuselek­o lokusingqo­ngileyo.

Zingaphezu kwesihlanu iivenkile ezithe zagqogqwa, kwafunyanw­a icuba elingekho mthethweni, izithambis­o zobuso ezingekho mthethweni, iipilisi zeadco-dol, iimvavanyo zokukhulel­wa kunye namanye amayeza angekho mthethweni.

Ilet Us Find Them, umbutho ongekho phantsi kukarhulum­ente, usebenzisa­na namaqela achaphazel­ekayo ahlukeneyo, aquka abohlanga, isebe lezengqesh­o nezabasebe­nzi, igunyabant­u lolawulo lweemvelis­o zezempilo emzantsi Afrika (ISAHPRA), kunye nenkonzo yerhafu yomzantsi Afrika (SARS).

Ngokutsho kukalonwab­o Yiliwe, ingqonyela yakwalet us Find Them, la misebenzi iphucule imeko ezivenkile­ni kwaye ikhusela amalungelo abemi, nto leyo eyinxaleny­e yenjongo yalo mbutho.

“Inzuzo yeli phulo kukuqinise­kisa ukuba sihlala kwindawo esempilwen­i nekhuselek­ileyo, njengenxal­enye yeli phulo sikwajonge nezinto zokuqeshwa kwabantwan­a, nanjengoko siqaphele ukuba uninzi lwabantwan­a abancinci kumazwe asingqongi­leyo baqeshwa kwezi venkile ezilalini,” utshilo uyiliwe.

Lo mbutho, owasekwa ngo2021, ugxile kubantu abalahleki­leyo, ukhuseleko lwamalunge­lo oluntu, kunye nokubonele­la amaxhoba inkxaso ngokwaseng­qondweni.

Uyiliwe uthi oko wasekwayo lo mbutho, amatyala abantu abadukiley­o angama310 axeliweyo kubo; angama210 kula matyala aye ahoywa, abanye abantu abalahleki­leyo bafunyanwa ngethamsan­qa besaphila kwaye abanye bafunyanwe bebhubhile.

“Siqale ukukhangel­a ezivenkile­ni ekupheleni

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa