Isolezwe lesiXhosa

Ubavuma ukhokela emdlalweni osemonti

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

Unyaka usaqala, abantu bommandla wasebuffal­o City bafumana inyhweba enqabileyo yokufumana umdlalo weqakamba okwinqana lehlabathi.

Ngomso ziza kube ziduma ngamandla ebuffalo Park, emonti, xa kudibana umzantsi Afrika newest

Indies emdlalweni wokuqala kwemithath­u yovavanyo.

Umzantsi Afrika ugaleleke kwiphondo lasempuma

Koloni umsila uphezulu emva kokubetha iwest Indies ngo21 emidlalwen­i yovavanyo emithathu ebibanjelw­e ewanderous Stadium, egoli, kwiveki ephelileyo. Kuloo midlalo, iproteas iwezwe ngutemba Bavuma owenze ikhulu elinamashu­mi asixhenxe komnye umdlalo, into awayigqibe­la kudala kakhulu phambi kokwenziwa inkokeli yeqela lesizwe.

Okubi ngoku kukuba umzantsi Afrika ufike emonti uqhwalela ngenxa yokonzakal­a kwabadlali.

Phakathi kwabo badlali abonzakele­yo kukho iziqwayi zabadlali abafana nokeshav

Maharaj nowiaan Mulder. Yingxaki le umqeqeshi omtsha, urob Walter, ekufuneka athubeleze phakathi kuyo njengokuba eza kulwela ukuphumele­la umdlalo wakhe wokuqala.

Umaharaj ngeke akwazi ukudlala kwakhona isithuba esikwiinya­nga ezintandat­hu.

“Wonke umntu umnqwenele­la impilo entle ukesh. Ukuphuluka­na nomdlali ofana naye isizini isaqala yinto embi kakhulu kuthi. Kodwa ke okusixolis­ayo kukuba ebengazuku­dlala kwinyanga katshazimp­uzi.

Siza kumbhengez­a umdlali oza kungena endaweni yakhe,” utshilo uwalter ethetha neentathel­i kutsha nje.

Indawo kamaharaj iye yathathwa ngutabraiz Shamsi olinxele. Endaweni kamulder odlalela ilions kufakwe uwayne Parnell odlalela iwestern Province.

Iqela liza kukhokelwa ngubavuma okhuthazek­ileyo emva kokwenza umsebenzi omhle egoli.

Abadlali ekuza kujongwa kubo kakhulu emdlalweni wanamhlanj­e baquka usisanda Magala, ulungi Ngidi naye uandile Phehlukway­o.

 ?? ?? Utemba Bavuma esamkela indebe emva kokuba umzantsi Afrika ubethe iwest Indies emdlalweni obusegoli.
UMFANEKISO: ©CHRISTIAAN KOTZE/BACKPAGEPI­X
Utemba Bavuma esamkela indebe emva kokuba umzantsi Afrika ubethe iwest Indies emdlalweni obusegoli. UMFANEKISO: ©CHRISTIAAN KOTZE/BACKPAGEPI­X

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa