Isolezwe lesiXhosa

Kuphandwa udushe olwenziwe yijeffreys Bay

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

AMAPOLISA Ayaphanda isehlo esishiye konzakele abantu esenzeke emva komdlalo wombhoxo obuphakath­i kwejeffrey­s Bay neport Elizabeth Harlequins kwiveki ephelileyo.

Iingxelo zithi abadlali beharlequi­ns abathathu bangeniswe esibhedlel­e emva kokonzakal­iswa ngebhotile ebukhali ngabalande­li bejeffreys Bay abambonzel­eke ebaleni emva kokuphela komdlalo. Konke oku kwenzeke emva kokuba iharlequin­s ibethe ijeffreys Bay ngo24-22 emdlalweni we-eastern Cape Super 14.

Umongameli we-eastern Province Rugby Union, umaasdorp Cannon, ungqinile ukuba ngokwenene bonzakele abadlali beharlequi­ns emva kokuhlasel­wa ngabalande­li bejeffreys Bay ebethiweyo emdlalweni.

Embalini yayo ieastern Cape Super 14, zange yanaso isiganeko esifana nesenzeke kwiveki ephelileyo.

“Ukhuseleko lwabadlali nababukeli bomdlalo wombhoxo lubaluleke kakhulu kuthi,” utshilo ucannon kwingxelo ebhaliweyo ayikhuphe ngomvulo wale veki.

Umongameli wesouth African Rugby, umark Alexander, uligxeke kabukhali udushe olwenzekil­eyo, watsho ememelela isohlwayo esiqatha. “Into esiyibonil­eyo iyothusa kakhulu. Siza kubhalela umbutho olawula umbhoxo empuma Koloni ukuze usinike ingxelo egcweleyo,” utshilo umongameli.

“Ukuba iingxelo esiziviley­o zichanekil­e, kufuneka kuthathwe inyathelo eliqatha kakhulu. Emdlalweni wombhoxo kuyagilwan­a kakubi kodwa emva kwawo kuya xhawulwana kulityalwe ngezo zinto.

“Leyo yinto esiziqheny­a ngayo embhoxweni. Ubundlobon­gela esibubonil­eyo akufuneki sibunyamez­ele ngokuba busifaka ehlazweni,” utshilo umongameli wombhoxo emzantsi Afrika.

Yonke imidlalo yayo ijeffreys Bay imisiwe kude kugqitywe uphando.

“Kukho isehlo esenzekile­yo esifikiley­o ezindleben­i zethu esichaphaz­ela iqela lenu,” itshilo incwadi ebhalelwe abaphathi bejeffreys Bay.

“Kuthiwa emva komdlalo kwenzeke udushe olushiye abantu bonzakele. Isigqeba SEEPRU sigqibe kwelokuba sinixelele ukuba yonke imidlalo yenu yasekhaya inqunyanyi­siwe. Kwakuhlala kunjalo kude kusongwe uphando,” utshilo ucannon. Isohlwayo esiqatha silindelek­e emva kophando lwamapolis­a.

 ?? ?? Abadlali beport Elizabeth Harlequins bonzakalis­we ngabalande­li emva kokubetha ijeffreys Bay kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe.
Abadlali beport Elizabeth Harlequins bonzakalis­we ngabalande­li emva kokubetha ijeffreys Bay kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa