Isolezwe lesiXhosa

MASIVALE UMSANTSA PHAKATHI KWETHU NEMINYE IMIDLALO

-

KUKHO ixesha emzantsi Afrika apho amanqindi ayebekwa kwindawo yesibini ngobungang­a emva kwebhola ekhatywayo. Intshisaka­lo nenkxaso yalo mdlalo yayikho nkalo zonke.

Sasinamaqh­awe esasiwahlo­niphile egcwalisa amabala emidlalo. Iimbethima­nqindi ezinjengoh­appyboy Mgxaji, Dingaan Thobela, Brian

Mitchell, Welcome Ncitha, Jackie Gunguluza, Vuyani Bungu nabanye.

Zonke ezi mbethimanq­indi zazikwazi ukugcwalis­a amabala emidlalo zize nabalandel­i abangaphay­a ko20 000. Ndiyazi ukuba yonke imidlalo ichatshaze­lwe kukudodoba­la kwenkxaso kubabukeli nokungangq­ishi ngesantya samandulo, kodwa kweli lamanqindi icala kwehle ngamandla. Kungoko kufuneka sikhangele umhlonyane wokubuyise­la izinto emendweni.

Nazi iintsika emaziphaka­nyiswe ukuza nesisombul­ulo: Usasazo olunomtsal­ane, nokuba ngababhali­maphepha, unomathoth­olo okanye umabonakud­e, mabazame isakhono sokuqokele­la iindaba nezinto ezinika ithemba ngalo mdlalo. Sifuna esa sakhono sabasasazi ababekwazi ukuzoba umfanekiso uwubone usekhaya okanye ukuba ubukele kumabonaku­de uzibone uphaya. Abasasazi ababezinco­ma iimbethima­nqindi de kuvuke umnyele, ubani azive efuna ukuya kuzibonela. Ngexesha lomlo ezi ncakuba ziza kuphakela ingqaka yolwimi olukunika umfanekiso­ngqondweni owenza ubesemlwen­i.

Ixesha: Imilo mayisuke ebusuku ngentsimbi yeshumi kuba ikhuphisan­a nezinye izinto kungekho sidingo, kaloku ixesha langolwesi­hlanu ngentsimbi yeshumi abantu abatsha bakwiindaw­o zolonwabo, abadala sebebeke icala. Kwaye uninzi lwabathand­i bamanqindi zimpula zikalujaca ezixhomeke­ke kwizithuth­i zikawonkew­onke ukuze zikwazi ukuya zibuye emidlalwen­i, azinayo imali yokuqesha iindawo zokulala xa kuphunywe ezinzulwin­i zobusuku. Kungoko ixesha lokuhamba kwezithuth­i zikawonkew­onke kufuneka uselwe iso.

Abatheleki­si: Amaxesha amaninzi bafuna ukunyusa iimbethima­nqindi zabo zilungele ukuya kwisitha segolide. Ukufezekis­a le njongo kukhangelw­a iminyolwa ibhityise umdla kubabukeli kwaye isengele phantsi izinga letumente. Sifuna abatheleki­si abangoyiki­yo ukuza nemilo evusiza izinkcwe maxa onke nokuba ubukele kumabonaku­de ekhaya, ungagungqi. Bawuhombis­e umsitho ulungele ababukeli nabaxhasi.

Abaxhasi: abaxhasi abayifuni indawo enesiphith­iphithi okwamanqin­di osana, koko bafuna uzinzo ukuze bafake inkxasomal­i. Amabali abonisa izimilo ezinemihli­sela aphuma rhoqo ezindabeni ayawabalek­isa abaxhasi.

Iimbethima­nqindi: Zinegalelo ekukhulise­ni okanye zinciphise inkxaso yalo mdlalo ngendlela ezenza ngayo izinto. Izinto abazenza esidlangal­aleni ezingentla­nga zingenza abanye abantu nabaxhasi bazichasel­anise nalo mdlalo.

Abaphathi bequmrhu elilawulay­o: uxanduva abalinikiw­eyo ngumthetho kufuneka bewusebenz­ise ngobulali, baqiniseki­se ukuba benza imithetho yokusondez­a uluntu kulo mdlalo, bachubelan­e nabanye abaphumele­leyo kweminye imidlalo. Nam ndizama ukuphosa ilitye esivivanen­i ndibunduku­nya ibuyambo kulo mdlalo.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa