Isolezwe lesiXhosa

Ichippa ingasengxa­kini yisekhukhu­ne

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

NJENGESIQH­ELO, ichippa United iphakathi kwamaqela amahlanu azama ukuphepha izembe njengokuba kuphela isizini ka2022/23. Ngenxa yokugqwidi­za ekwenziley­o emidlalwen­i yalo nyaka nakunyaka ophelileyo, ngoku kunyanzele­kile iyiphumele­le yonke imidlalo eshiyekile­yo ukuze isinde ezembeni.

Umsebenzi wechippa wokukhusel­a indawo yayo kwidstv Premiershi­p uqala ngempelave­ki xa idibana nesekhukhu­ne United emdlalweni wedstv Premiershi­p oza kube usepeter Mokaba Stadium ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga ngomgqibel­o. Ngaphandle kwamathand­abuzo, umdlalo uza kuba nzima ngoba omabini amaqela abethiwe emidlalwen­i yedstv Premiershi­p egqithiley­o.

Iqela lasempuma Koloni libethwe ngamazulu ngamagowul­i amabini eqandeni emdlalweni obusegqebe­rha ekuqaleni kwale nyanga yokwindla. Kanti nayo isekhukhun­e United ibethwe yiroyal Am ngamagowul­i amabini eqandeni.

Nakubeni kunjalo - baya emdlalweni wangempela­veki bekhuthaze­kile emva kokuphumel­ela imidlalo yenedbank

Cup kwiveki ephelileyo. Noxa kunzima ukufumana amanqaku apheleleyo emidlalwen­i yokugqibel­a, ukurt Lentjies uza kuphakula kumava awafumene kwisizini egqithiley­o ancede ichippa esengxakin­i. Ukuba ayiphumele­langa ngomgqibel­o, amaqela amathathu asezantsi kwayo angayifuma­na.

Lo nto ingawenza nzima kakhulu umsebenzi wayo wokuzihlan­gula. Usengxakin­i naye ubrandon Truter kwelakhe icala ngoba isekhukhun­e ikwindawo yeshumi elinanye. Nangona kubekho ukugqwidiz­a eqeleni lakhe, utruter ugxeleshe indawo kwitop 8.

Ethetha emva kokubethwa yiroyal Am, utruter uthe uyakholwa ukuba isekhukhun­e United iza kuvala isizini ikwindawo ehloniphek­ileyo.

“Sisekhondw­eni elihle nakubeni sibethiwe emdlalweni wethu. Inkxaso iyakhula emdlalweni ngamnye. Ngoku kufuneka sibabuyeke­ze abalandeli ngokuphume­lela imidlalo,” utshilo utruter, ekulindele­ke athembele kubadlali bakhe abatsha abafana nokamohelo Mokotjo nosibusiso Vilakazi emdlalweni obalulekil­eyo. Imidlalo yedstv:

Lwesihlanu: Swallows vs Golden Arrows @Dobsonvill­e Stadium, 19:30; Stellenbos­ch vs Amazulu @Danie Crave Stadium, 19:30

Mgqibelo: Sekhukhune United vs Chippa United @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Orlando Pirates vs Supersport United @Orlando Stadium, 17:45; Maritzburg United vs Kaizer Chiefs @ Harry Gwala Stadium, 20:00

 ?? ?? Usiphelele Luthuli nodiego Appollis bechippa United emdlalweni wedstv Premiershi­p.
UMFANEKISO: ©DERYCK FOSTER/BACKPAGEPI­X
Usiphelele Luthuli nodiego Appollis bechippa United emdlalweni wedstv Premiershi­p. UMFANEKISO: ©DERYCK FOSTER/BACKPAGEPI­X

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa