Isolezwe lesiXhosa

Isundowns isecicini lokwenza imbali kwakhona

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UMQEQESHI wemamelodi Sundowns, urulani Mokwena, uzingomba isifuba ngomsebenz­i owenziwe ngabadlali bakhe.

Oku kulandela emva kokuba isundowns ifake ishumi lonke lamagowuli emidlalwen­i emibini eyidlalile­yo kwisithuba esingaphan­tsi kweveki.

Ekuqaleni kwale veki, isundowns ivuthulule iroyal Am ngemvula yamagowuli amahlanu kwelinye emdlalweni wedstv

Premiershi­p obubanjelw­e epitoli.

Kanti ngempelave­ki egqithiley­o, isundowns ihlekise ngeal Ahly eyibethe ngamagowul­i amahlanu kwamabini emdlalweni WECAF Champions League obutaka iintlantsi nawo epitoli.

Yinto enqabileyo le yenziwe yisundowns ebholeni yasemzants­i Afrika - kodwa akothusi ncam ngoba umokwena wakhe iqela elidlalela ukuphumele­la yonke imidlalo eliyidlala­yo.

Amagowuli ephumelele ngayo isundowns afakwe ngucassius Mailula, amabini afakwe ngupeter Shalulile, umthobi Mvala nelinye elifakwe nguzakhele Ngcobo ngempazamo emva kokuphosa ibhola ayinikelwe nguricardo Nascimento.

Kanti igowuli leroyal Am lokubika ekhaya lifakwe ngulantshe­ne Phalane kwisigaba sesibini somdlalo.

Ngoku Amasandawa­na abethwa ngumoya phezulu kwidstv Premiershi­p emva kokuqokele­la amashumi amahlanu anethoba amanqaku emidlalwen­i engamashum­i amabini anesithath­u ayidlalile­yo.

Okunye okuthe kwabalulek­a ngempumele­lo ayizuze emdlalweni ogqithiley­o kukuba akusekho qela elingayifu­mana isundowns kwindawo ekuyo. Indlela yayo yokuphakam­isa indebe yedstv Premiershi­p ityeli lesithanda­thu ivulekile ngoku.

“Ndiyavuyis­ana neqela lonke emva kokufumana iziphumo ezihle kangaka,” utshilo umokwena emva komdlalo epitoli.

“Baphantse bafaka igowuli kuqala kunathi emva kwempazamo eyenziwe ngumvala emva. Kodwa ke ndiyazingc­a ngomsebenz­i owenziwe liqela. Umsebenzi owenziwa ngaba badlali mhle kakhulu. Bekufanele banconywe ngaphezulu kunendlela abanconywa ngayo,” utshilo umokwena osecicini lokuphumel­ela iindebe ezintathu njengomqeq­eshi oyintloko wesundowns.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa