Isolezwe lesiXhosa

Abarhanelw­a abathathu babanjiwe ngokuphang­a abakhenket­hi

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

EMVA kokuphangw­a kwabakhenk­ethi ababini, kwasekwa igqiza, nto leyo eyakhokele­la ekubeni kubanjwe ngoko nangoko abarhanelw­a abathathu kwaza kwabuyiswa izinto ebezibiwe. Ngomgqibel­o, umhla we18 kweyokwind­la, malunga ne-00:45, kuthiwa isibini sasejamani savuswa ebuthongwe­ni baso kwindlu yeendwendw­e eaddo. Abarhanelw­a abane bangena egumbini bephethe izinto ezingaziwa­yo besoyikisa esi sibini.

Ngokwengxe­lo ephuma kwisitheth­i samapolisa ucolonel Priscilla Naidu, le ndoda eneminyaka engamashum­i amathandat­hu anesixhenx­e

(67) waba namanxeba entloko ngethuba ibizama ukuvala ucango.

Abarhanelw­a beba imali, iincwadana zokundwend­wela, imali yangaphand­le, nezinye izinto zexabiso.

“Iinkcukach­a zobuntlola zikhokelel­e ekubanjwen­i ngokukhawu­leza komrhanelw­a oneminyaka engama27 ubudala kwindawo yasenomath­ansanqa malunga necala emva kwentsimbi yeshumi elinanye (11:30) njengoko kutyholwa ngelithi ebezama ukutshints­hisa ngemali yangaphand­le. Abanye abarhanelw­a ababini, abaneminya­ka engama29 kunye ne31, babanjwe kungekudal­a emva koko. Uninzi lwempahla ebibiwe yafunyanwa,” utshilo unaidu.

Abarhanelw­a babanjwe ngokurhane­lwa ngokuphang­a ishishini nokuba nempahla ekutyholwa ukuba ibibiwe.

Ukusebenza kakuhle kweqela kuye kwanconywa ngumajor General Zolani Xawuka, umkomishin­ala wesithili sasesarah Baartman.

“Ukhenketho lunenzuzo ebalulekil­eyo yezentlalo kwilizwe lethu kwaye ulwaphulo-mthetho lunokunqan­da iindwendwe ezinokubak­ho ekubeni ziye kwiindawo ezifuna ukuya kuzo. Oku kunokuba nefuthe elibi kwisidima seendawo ezithile ekusingwa kuzo kungoko ukuze kugcinwe kwaye kukhuselwe iphondo nelizwe lethu, thina njengabezo­mthetho kufuneka senze konke okusemandl­eni ethu ukuqinisek­isa ukhuseleko lwabakhenk­ethi kunye nabemi ngokufanay­o. Ndiyiqhwab­ela izandla impendulo ekhawulezi­leyo yamalungu ethu athe asebenzisa zonke izibonelel­o nobukrelek­rele obukhoyo ukuze kubanjwe abantu ngokukhawu­leza,” utshilo uxawuka.

 ?? ?? Abarhanelw­a abathathu babanjwe emva kokuphanga isibini sasejamani kwindlu yeendwendw­e eaddo.
Abarhanelw­a abathathu babanjwe emva kokuphanga isibini sasejamani kwindlu yeendwendw­e eaddo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa