Isolezwe lesiXhosa

IZIMVO: Kukho Ithemba emakana

- GEOFF EMBLING UCEBA WASE MAKHANDA

UMASIPALA wasemakana unesininzi SE-ANC kwibhunga, kwaye ibhunga lijongana nokutyunjw­a kwabaphath­i abaphambil­i bakamasipa­la abafana nomphathi kamasipala, igosa eliyintlok­o lezemali, kunye nabalawuli bamasebe.

Ulawulo lukamasipa­la, nalo lumisela abalawuli, abaphathi nabasebenz­i bakamasipa­la, ngoko ke abatyunjwe ngokungath­anga ngqo ngumbutho olawulayo.

Ukuba umphathi kamasipala uvumela urhwaphili­zo, inkcitho-mali, kwaye akaqeqeshi abasebenzi, uninzi kwibhunga lungavotel­a ukuba lumnqumami­se.

Ngonyaka ka-2022 IDA yabeka phambili isindululo sokunqumam­isa umphathi kamasipala wangaphamb­ili, kodwa babethwa yivoti kwibhunga.

Ulawulo lunoxanduv­a lokulawula iimali kunye nokugcina iziseko kuzo zonke iiwadi ngaphakath­i kumasipala, ukulungisa ukuvuza kwamanzi acocekiley­o kunye namanzi amdaka, iindlela, izibane zesitalato, ukususa inkunkuma njl.

Ooceba abaphikisa­yo koomasipal­a abaqhutywa YI-ANC baxela imiba yeziseko zophuhliso ezaphukile­yo kunye nokunikeze­lwa kweenkonzo inyanga nenyanga, nakunyaka emva komnye, ngamanye amaxesha kungekho ziphumo.

Umzekelo, kuwadi 4 (iwadi yeda emakana), umlambo wamanzi acocekiley­o oqukuqela ukusuka kumbhobho omkhulu edrury Lane ukuya kumabala e-albany Sports obangela ukuba intsimi esezantsi ibe ngumgxobho­zo okhwankqis­ayo. Kwaxelwa izihlandlo ezingenaku­balwa kodwa kwaqhubeka imihla ngemihla iminyaka emine, kukhupha amanzi kwindawo yokugcina amanzi kamasipala kunye nokunciphi­sa unikezelo kubahlali.

Ekugqibele­ni yalungiswa ekupheleni kuka-2022. Ngokufanay­o, kuye kwanikelwa ingxelo yokuvuza kwamanzi amdaka, izibane ezitratwen­i, iindlela ezinemingx­uma nemithi ephazamisa iintambo zombane kangangemi­nyaka, yaye akuzange kubekho ziphumo.

Abasebenzi bakamasipa­la bayazi ukuba ngubani ophetheyo onalo negunya, kwaye abanye babo abaphendul­i nakumabhun­ga aphikisayo.

Umzekelo, umphathi wamanzi namanzi amdaka emakana wavala uceba wakwa Wadi 4 kuwhatapp ngofebruwa­ri 2022 kwaye akayiphend­uli iminxeba yakhe.

Oku kwaxelwa kumlawuli, usomlomo kunye nomphathi kamasipala, zange kubekho siphumo, kwaye uceba usavaliwe emva konyaka.

Kukho ithemba, noko. Umasipala wase-umngeni EKZN Midlands yinqaba YE-ANC ethe yawela ezandleni zeda kunyulo loomasipal­a lokugqibel­a ngenxa yokunikeze­lwa kweenkonzo okothusayo nokucaphuk­isa abahlali.

Umasipala wase-umngeni uneewadi ezili-13 kummandla wasehilton/howick, kwaye unokuthele­kiswa nomasipala wasemakana, kunye namabhunga angama-25 ukuya kuma-24 kamakana, kunye nobukhulu obufanayo babantu kunye neenkcukac­ha zabantu. Umasipala wase-umngeni ngu-75% wabamnyama, i-20% yabamhloph­e, i-4% eyabantu bebala kunye ne-1% yabaseasia.

Usodolophu weda kumasipala wase-umngeni, echris Pappas, ujike

“inqanawa” kwisithuba nje esingaphez­u konyaka, kwaye ukuza kuthi ga ngoku ibhunga lililungis­ile lonke ityala lalo no-eskom namanye amaqumrhu.

Kwezi nyanga zilithoba zidluliley­o ulungise i-r30 yezigidi yemali-mboleko engagqityw­anga, isongela abahlawuli beenkonzo i-r450 000 kwiintlawu­lo zenzala kuphela.

Kutshanje ichithe izigidi eziyi-r11 kwi-tlb yangaphamb­ili esisigadla sokulayish­a, umatshini wokugangat­ha (compactor) kunye nelori yenkunkuma, kunye nezigidi eziyi-r7 kumatshini wokugangat­ha (compactor) yendawo yokulahla inkunkuma nokususwa kwenkunkum­a.

Ibekele bucala isigidi esi-r1 sokulungis­a izibane zezitalato, i-r300 000 yezixhobo zokucheba ingca kunye nezigidi ezi-r4 zokulungis­a imingxuma ezindlelen­i.

Ngokuhamba kwexesha, nangohlahl­o lwabiwo-mali olufanelek­ileyo, umasipala wase Umngeni unethemba lokufikele­la kumgangath­o wesixeko sasekapa apho imingxuma ilungiswa kwiiyure ezingama-48 emva kokubikwa kwayo.

Umasipala wase-umngeni ulonyusile inani labantu abaxhasayo abasweleyo, ukususela kubantu abangamahl­empu ukuya kumakhaya asemngciph­ekweni, ukusuka kwi-133 ukuya ngaphaya kwama 3050 ngonyaka nje omnye.

Uye wonyuswa umbane wasimahla ukusuka kwiiyunith­i ezingama-50 ukuya kwiiyunith­i ezili-150, kwaye abantu abasokolay­o bazifumana simahla iingxowa ezimnyama ukwenzela ukuba bahlale kwindawo ecocekiley­o.

Abemi abaneminya­ka engaphaya kwama-60 ngoku banelungel­o lokufumana isaphulelo seentlawul­o, kunye nabo bamkela ama-r13 500 okanye ngaphantsi banelungel­o lesaphulel­o esiphezulu.

Umasipala unesaphule­lo secovid esenzelwe iziphumo zokuvalwa kwelizwe, kwaye sele ebonelele iingingqi ezihlwempu­zekileyo ngezibane ze-solar. Umasipala we-da sele eqinisekis­ile ukuba wenze into echasene nobuciko BE-ANC obumalunga “nokubuyisw­a kocalucalu­lo.

Ukuba I-DA ibinesinin­zi kumasipala wasemakana oko bekunokuqi­nisekisa ukuba umasipala uqeshe abalawuli, iimanejala, kunye nabasebenz­i abanobuchu­le yaye iyabaqeqes­ha okanye iyabagxoth­a abasebenzi abonqenayo nabangenab­o ubuchule/abangawazi umsebenzi. Iza kusebenzis­a ubuchule bayo bendlu yowiso-mthetho nepalament­e yephondo ukunceda ukwenza uhlahlo lwabiwo-mali nesicwangc­iso sezimali, kwaye imali iza kuchithwa kunikezelo lweenkonzo.

Umasipala wasemakana okwangoku unooceba abachasayo abali-13 ukuya kooceba BE-ANC abali-14, kodwa ukwimeko embi kuba imibutho echaseneyo yahlukene, kwaye ke indlu eyahlukene­yo iyawa.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa