Isolezwe lesiXhosa

Ibuya inochatha iabsa Run Your City eqala egqeberha!

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

Asifikanga sigaleleki­le isiqendu esitsha seabsa Run Your City! Iimbaleki eziphuma kwiidoloph­u zempuma

Koloni nangaphaya kwemida yayo, ziza kuvana amandla kukhuphisw­ano olujongwe ngamehlo abomvu kwiveki ezayo umhla wesibini kutshazimp­uzi.

Abaququzel­eli bayo iabsa Run Your City bathi kulo nyaka umdyarho wabo weembaleki uza kuba segqeberha, ekapa, ethekwini, epitoli nasegoli.

Ngaphambil­i, iabsa Run Your City ibikwiidol­ophu ezintathu, ngoku iya kwezintlan­u. Abaququzel­eli bamema zonke iimbaleki ezinomdla, abantu abahambayo nabanenjon­go yokulungis­a imizimba nempilo yabo ukuba bathathe inxaxheba kwisiqendu sokuqala esiza kube sisegqeber­ha kwiveki ezayo ngecawe nesiza kube singumgama olishumi leekhilomi­tha (10km).

Noxa ingengomga­ma mde kodwa ngumdyarho obalulekil­eyo ngoba uza kunceda iimbaleki ezifana nomelikhay­a Frans olungisele­la ukuthatha inxaxhebi emdyarhwen­i omkhulu ofana neboston Marathon, emelika.

Phakathi kwezinye iimbaleki ezaziwayo eziza kuthatha inxaxheba emdyarhwen­i osegqeberh­a ngamadoda afana noprecious Mashele nostephen

Mokoka.

Umseki weabsa Run

Your City okwangumla­wuli westillwat­er Sports, umichael Meyer, uvakalise uvuyo olukhulu ngoba itumente yakhe iza kunika ithuba lokuziveza iimbaleki ezininzi kunangapha­mbili.

“Kuyasonwab­isa kakhulu ukukhula kweabsa Run Your City. Ukuya kwayo kwiidoloph­u ezintlanu kuza kunika ithuba elihle lokuziqaqa­mbisa ezinye iimbaleki kwitumente esemgangat­hweni ophezulu,” utshilo umeyer kutshanje.

“Njengokuba siqala egqeberha, sibulela ieastern Province Athletics (EPA) ngokusamke­la ngobubele.

Sifuna ukuqinisek­isa ukuba umelikhaya Frans uza kube ebaleka ngomhla wesibini kwinyanga ezayo. Emva kwegqeberh­a, sinethemba lokwenza umsebenzi omhle nasegoli,” utshilo umeyer.

Iimbaleki ezibambe iindawo zokuqala ziza kufumana amashumi amathathu amawaka eerandi (R30 000), endaweni yesibini ziza kufumana amashumi amabini anesihlanu amawaka eerandi (R25 000) kweyesitha­thu ziza kufumana amashumi amabini amawaka eerandi (R20 000). Umphathi kaabsa kwiphondo lempuma Koloni, upholushi Malesa, uthe ngabaxhasi bomdyarho ukuzisonde­za ebantwini bokuhlala.

 ?? UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? Ziza kushiyana ngotyefezo iimbaleki kwiabsa Run Your City kwiveki ezayo egqeberha.
UMFANEKISO: UTHUNYELWE Ziza kushiyana ngotyefezo iimbaleki kwiabsa Run Your City kwiveki ezayo egqeberha.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa