Isolezwe lesiXhosa

Makuthiywe iilokishi nezitalato ngobungu, uncitha notenge

- Sonwabo Nogqala

UMDLALO ngamnye elizweni uye ube nabantu obagqamisa­yo abaye bajike babe ngamaqhawe esizwe. Loo maqhawe aye awongwe ukuze ahlale esisibonel­o esihle kwabasakhu­layo.

Kaloku impumelelo yabadlali iye iphakamise ilizwe lonke. Kulapho ke baye badlwengul­a umdla wabalandel­i nabo bangengoba­landeli.

Bayancedis­a kuhlumo loqoqosho lelizwe, bakwanika abantu ithemba ngexesha lobunzima futhi basisibone­lo esihle kulutsha esizweni sonke. Maninzi loo maqhawe apha kwiphondo lempuma Kapa ekuquka ongasekhoy­o unkosana “Happy-boy” Mgxaji owayezalis­a amabala ezemidlalo.

Namhlanje kodwa ndifuna siqwalasel­e amaqhawe amathathu azinzalelw­ana zeli phondo. Loo maqhawe ngunoni Tenge, uwelcome Ncitha kunye novuyani Bungu.

Unoni Tenge uyimbethim­anqindi yokuqala kwicala lamaneneka­zi eyaba yinjinga yehlabathi kweli lizwe. Wayikhusel­a ngesidima intshinga yakhe noxa waye waphulukan­a nayo ekugqibele­ni ngenxa yokuswela imilo eyaneleyo ukuze ayigcine. Waba ngunozala weenjinga ezininzi zabasetyhi­ni kweli lizwe.

Uwelcome Ncitha waba yinjinga yokuqala yehlabathi kweli phondo ephumelela intshinga yakhe yehlabathi kwasirayel­i ngo1990.

Intshinga wayiphumel­ela ngethuba kukho izixholoxh­olo zokuwiswa kwephandle laseciskei. Yamnyanzel­a lo nto walwa ngaphandle komqeqeshi wakhe umzimasi Mnguni, owaye wanyanzele­ka ukuba abuye azokujonga amashishin­i wakhe ekhaya.

Uhlongwane waba ngumdlali wokuqala owaphumele­la kuqala inkqubo entsha emzantsi Afrika kukho neflegi yesizwe entsha ngo1993.

Uvuyani Bungu waba yintshatsh­eli yehlabathi ekhusele intshinga yayo izihlandlo ezininzi ngaphezulu kwazo zonke iimbethima­nqindi emzantsi Afrika. Uyiphumele­le intshinga yakhe ngo1994, unyaka ekwakuvotw­a ngawo okokuqala ngabantu abamnyama emzantsi Afrika.

Uvuyani Bungu nowelcome Ncitha basebenza kumasipala wasebuffal­o City Metro njengoonoz­ithetyana. Yena unoni Tenge usebenza kwindawo yokuzilolo­nga egqeberha njengomqeq­eshi. Zontathu ezi mbethimanq­indi zamandulo zingoovul’indlela abaphakami­sa ilizwe lomzantsi Afrika kwaye asizange sive similo esibi ngazo. Zisisibone­lo kumlisela nomthinjan­a wesizwe.

Ngoku bekumele ukuba zincanca izapholo zemisebenz­i yazo. Masibulele kula maziko athe abakhongoz­a, abanika umsebenzi ukuze babeke isonka etafileni. Kodwa singayifih­li eyokuba kwelinye icala isisenyeli­so kubo into eyenzeke ebomini babo.

Kufuneka sibhinqe omfutshane silwele ukuba igalelo labo emanqindin­i libabeke kwiindawo ezibhetele. Kungakuhle ukuba kungakho izitalato, amaholo nelokishi ezithiywe ngabo. Ingenzeka lo nto xa kuphakame thina sonke.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa