Makuthiywe iilokishi nezitalato ngobungu, uncitha notenge
UMDLALO ngamnye elizweni uye ube nabantu obagqamisayo abaye bajike babe ngamaqhawe esizwe. Loo maqhawe aye awongwe ukuze ahlale esisibonelo esihle kwabasakhulayo.
Kaloku impumelelo yabadlali iye iphakamise ilizwe lonke. Kulapho ke baye badlwengula umdla wabalandeli nabo bangengobalandeli.
Bayancedisa kuhlumo loqoqosho lelizwe, bakwanika abantu ithemba ngexesha lobunzima futhi basisibonelo esihle kulutsha esizweni sonke. Maninzi loo maqhawe apha kwiphondo lempuma Kapa ekuquka ongasekhoyo unkosana “Happy-boy” Mgxaji owayezalisa amabala ezemidlalo.
Namhlanje kodwa ndifuna siqwalasele amaqhawe amathathu azinzalelwana zeli phondo. Loo maqhawe ngunoni Tenge, uwelcome Ncitha kunye novuyani Bungu.
Unoni Tenge uyimbethimanqindi yokuqala kwicala lamanenekazi eyaba yinjinga yehlabathi kweli lizwe. Wayikhusela ngesidima intshinga yakhe noxa waye waphulukana nayo ekugqibeleni ngenxa yokuswela imilo eyaneleyo ukuze ayigcine. Waba ngunozala weenjinga ezininzi zabasetyhini kweli lizwe.
Uwelcome Ncitha waba yinjinga yokuqala yehlabathi kweli phondo ephumelela intshinga yakhe yehlabathi kwasirayeli ngo1990.
Intshinga wayiphumelela ngethuba kukho izixholoxholo zokuwiswa kwephandle laseciskei. Yamnyanzela lo nto walwa ngaphandle komqeqeshi wakhe umzimasi Mnguni, owaye wanyanzeleka ukuba abuye azokujonga amashishini wakhe ekhaya.
Uhlongwane waba ngumdlali wokuqala owaphumelela kuqala inkqubo entsha emzantsi Afrika kukho neflegi yesizwe entsha ngo1993.
Uvuyani Bungu waba yintshatsheli yehlabathi ekhusele intshinga yayo izihlandlo ezininzi ngaphezulu kwazo zonke iimbethimanqindi emzantsi Afrika. Uyiphumelele intshinga yakhe ngo1994, unyaka ekwakuvotwa ngawo okokuqala ngabantu abamnyama emzantsi Afrika.
Uvuyani Bungu nowelcome Ncitha basebenza kumasipala wasebuffalo City Metro njengoonozithetyana. Yena unoni Tenge usebenza kwindawo yokuzilolonga egqeberha njengomqeqeshi. Zontathu ezi mbethimanqindi zamandulo zingoovul’indlela abaphakamisa ilizwe lomzantsi Afrika kwaye asizange sive similo esibi ngazo. Zisisibonelo kumlisela nomthinjana wesizwe.
Ngoku bekumele ukuba zincanca izapholo zemisebenzi yazo. Masibulele kula maziko athe abakhongoza, abanika umsebenzi ukuze babeke isonka etafileni. Kodwa singayifihli eyokuba kwelinye icala isisenyeliso kubo into eyenzeke ebomini babo.
Kufuneka sibhinqe omfutshane silwele ukuba igalelo labo emanqindini libabeke kwiindawo ezibhetele. Kungakuhle ukuba kungakho izitalato, amaholo nelokishi ezithiywe ngabo. Ingenzeka lo nto xa kuphakame thina sonke.