Isolezwe lesiXhosa

Unomeva uza kumoyisa lula umiller

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

IMBETHIMAN­QINDI Yasempuma Koloni, uxolisani “Nomeva” Ndongeni, ithi ikulungele ukudibana noladarius Miller kwaye iza kumbetha ibuye nempumelel­o. Undongeni, 32, ukuthethe oku ngethuba ethetha namajelo eendaba kutshanje esitalini sakhe egoli apho aphekwa kwakhona ngumzamo

“Chief ” Njekanye. Le ndedeba yakwabhaca nezinze kwiphondo lasegauten­g, ilungisele­la ukudiba nomiller wasemelika emdlalweni ongenantsh­inga oza kube ubanjelwe enassau, ebahamas, ngomhla wesithathu kucanzibe.

“Ndikulunge­le ukudibana nomiller futhi ndiza kumoyisa. Ayikho tu into endiyoyika­yo kuye,” utshilo undongeni ezilolonga egoli.

Njengeziny­e iimbethima­nqindi, undongeni walifulath­ela iphondo lakhe waya egauteng apho kukho amathuba abhetele. Ngaphandle kokuba yimbethima­nqindi, undongeni ukhe wangumanej­ala kwindawo yokuzilolo­nga ekuthiwa yifight Club

Fitness Gyms phambi kokuzivule­la elakhe ishishini. Noxa unomeva esiya emlweni ongenantsh­inga, kodwa kulindelek­e avuzwe ngemali entle kakhulu.

“Ndiza kubhatalwa imali eyi$60

000 (R1.3-million) ngokulwa imijikelo elishumi. Bendingeke ndiwamkele umlo ukuba imali ibingekho ntle,” utshilo unomeva ethetha neentathel­i kwiveki ephelileyo.

“Yonke into seyityikit­yiwe ngoku, umlo uyeza. Ndiyamazi ulabadariu­s, sasikunye esitalini sikafloyd Mayweather Junior ngokuya bendikhe ndahlala emelika ngonyaka ka2017. Ndiza kumoyisa yena ngoba akanamandl­a kunam. Ndifuna ukubuyela kwindawo endandikuy­o ngaphambil­i,” utshilo undongeni ngokukhulu ukuzithemb­a.

Phantsi kwegama lakhe emanqindin­i, unomeva ubethwe ngudevin Haney noprince Dlomo emilweni engamashum­i amathathu ananye. Kuloo milo, ulahle phantsi amadoda alishumi elinesibho­zo. Naye kwelakhe icala umiller ubethwe kabini emilweni engamashum­i amabini anesithath­u ayilwileyo.

 ?? UMFANEKISO: FACEBOOK ?? Uxolisani “Nomeva” Ndongeni yimbethima­nqindi yasempuma Koloni.
UMFANEKISO: FACEBOOK Uxolisani “Nomeva” Ndongeni yimbethima­nqindi yasempuma Koloni.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa