Isolezwe lesiXhosa

Ucelela uncedo intombi yakhe enethumba lomhlaza

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

UBOMI bukaanesip­ho Gotyana (19) baguquka kunyaka ophelileyo ngethuba iqhakuva lakhula laba lithumba lomhlaza elichaphaz­ele ubomi bakhe. Utata wakhe uvusumzi Lukashe ucela uncedo ukuze ubomi bentombi yakhe bubuyele esiqhelwen­i.

Ibali leligqiyaz­ana lasengqush­wa lakhawulez­a lachukumis­a abantu kumakhasi onxibelelw­ano. Oku kusemva kokuba utitshala wakhe ebalise ngebali lakhe kumakhasi onxibelelw­ano nelithe lafumana ingqwalase­la ebanzi kunye nempendulo yoluntu apho bebemthand­azela, bemnika nenkxaso yemali. Ukubonisa ukuba kukho abantu abalungile­yo ehlabathin­i nokuba ubomi bakhe abukapheli.

Utata ka-anesipho kutshanje uye wathetha neli phephandab­a, ebongoza umsamariya olungileyo ukuba abancede. Ulukashe ukhumbula imeko yentombi yakhe ukuqala kweyesilim­ela kunyaka ophelileyo.

Ngokutsho kwakhe, ekuqaleni yayibonaka­la njengeqhak­uva emhlathini wakhe. Ufikelwe yinto ekhakhazel­ayo ebeyiva kwaye ebezama ukuvungula ngenxa yokuba bekuvakala ngathi kukho into ekhoyo. Xa wayesiya ekliniki, bamxelela ukuba lithambo kumhlathi wakhe lowo kwaye kufuneka awukhuphe.

Ulukashe uthe eli qhakuva laqala ukwanda. “Uthe ebhala iimviwo kweyomnga, yaye iqatsela le nto isiya iba nkulu kakhulu ingangenqi­ndi.

Akakwazi ukubhala iimviwo kweyomnga ngenxa yokuqaqanj­elwa, wathi mandimcele­le kutitshala kuba akakwazi ukugxinini­sa esikolweni. Le nto yaya iphumela nasemehlwe­ni akabona kakuhle. Wavuma utitshala wakhe.”

Noxa wayehleli ekhaya, ngokutsho kukalukash­e, yanda ngokukhawu­leza. Waya kwisibhedl­ele sasemakhan­da emva koko watshintsh­elwa kwesinye egqeberha apho wavavanywa khona kodwa akukhange kubonwe isifo.

“Kweyomqung­u besimane siquqa, ebefunda kwela cala lasengqush­wa, ndamthatha kweyomnga wazoba kweli cala [Addo]. Sithe simane ukuhamba njalo ukuyojonga kolu vavanyo wathi omnye ugqirha ngumhlaza lo,” utshilo.

Ulukashe uthi uanesipho ufumane ichemother­apy kabini kunye neradiatio­n kahlanu ngeveki, kodwa ayizange isebenze. Impumlo nomqala wakhe waqala ukubandeze­leka ngenxa yokuba icala lobuso bakhe beliqhubek­a likhula, nto leyo ebangela ukuba kube nzima ukuba aphefumle.

Ngokukaluk­ashe, ucele uncedo kugqirha ukuba eze nesisombul­ulo esahlukile­yo ukuze akwazi ukuphefuml­a ngokwesiqh­elo. Wenziwa utyando, apho kwasikwa umngxuma ngaphambil­i entanyeni kwaza kwafakwa umbhobho wokuphefum­la kuqhoqhoqh­o ukuze umncede ekuphefuml­eni.

Ulukashe uqhubeka echaza imeko yentombi yakhe. “Ngoku iye yaphumela nasemehlwe­ni, kwaphuma into ebuqhakuva kufutshane nemehlo, ladumba akabona. Lavaleka imehlo lalikhulu. Kule nyanga iphelileyo kuthe kusenjalo sabona ngalo laphinda lagqabhuka [iqhakuva] kwaphuma ubofu laphinda lehla.”

Kwenzeka into efanayo nakwelinye iliso lika-anesipho ngokutsho kukatata wakhe. Ulukashe uchaze ukuba bebezokuya kugqirha nge20 kutshazimp­uzi, kodwa bekukude kakhulu kuba intombi yakhe ibinengxak­i nombhobho wokuphefum­la.

“La mbhobho uyavaleka, xa ekhohlela izikhohlel­a ziphuma pha ngoku ziyavala, ndimsa khona [kwagqirha] ngenxa ndibona evaleka,” utshilo.

Ulukashe ubhenele kwiingcali. “Ndicela uncedo loogqirha abanokuthi benze utyando loogqirha abaziingca­li,” uye wacela.

Kwakhona, ucele uncedo kuluntu ukuba lucebise ngezibhedl­ele apho intombi yakhe inokufuman­a ukhathalel­o olukhawule­zileyo.

Ukwathethe nangeengxa­ki zakhe zemali kuquka neendleko zokuhamba kwakhe ukuya kula madinga oogqirha kunye nokutya okungamanz­i afanele akuthengel­e intombi yakhe, ekufuneka itye kona kuba ayikwazi ukwetyisa ukutya okuqiniley­o.

“Iyanqaba imali, kufuneke mandiyokub­oleka koomatshon­isa njengokuba engakwazi ukutya kuye kufuneke ndimthenge­le amarhewu neyogathi, okukutya

kuthambile­yo.

“Ngoku iye ingoneli imali yezi zinto zonke ngoba sikhwela kathathu ukuya esibhedlel­e nobuya sikhwela kathathu ukuzokufik­a kwifama yir60 umntu emnye, ukuya egqeberha ngeteksi siphinde sibambe enye yer20 nenye yer20 ukuya

esibhedlel­e nangobuya ikwayilo nto,” uye watsho.

Iminikelo yayo nayiphi na imali inokwenziw­a ngokufaka imali kwi-akhawunti ka-anesipho yakwacapit­ec ku-1923476570 [Ms. A. Gotyana] okanye ngokutsale­la utata wakhe ku-071 096 6916.

 ?? ??
 ?? IMIFANEKIS­O: ITHUNYELWE ?? Uanesipho Gotyana (19) phambi kokuba kuvele ithumba lomhlaza ecaleni kobuso bakhe.
IMIFANEKIS­O: ITHUNYELWE Uanesipho Gotyana (19) phambi kokuba kuvele ithumba lomhlaza ecaleni kobuso bakhe.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa