Ucelela uncedo intombi yakhe enethumba lomhlaza
UBOMI bukaanesipho Gotyana (19) baguquka kunyaka ophelileyo ngethuba iqhakuva lakhula laba lithumba lomhlaza elichaphazele ubomi bakhe. Utata wakhe uvusumzi Lukashe ucela uncedo ukuze ubomi bentombi yakhe bubuyele esiqhelweni.
Ibali leligqiyazana lasengqushwa lakhawuleza lachukumisa abantu kumakhasi onxibelelwano. Oku kusemva kokuba utitshala wakhe ebalise ngebali lakhe kumakhasi onxibelelwano nelithe lafumana ingqwalasela ebanzi kunye nempendulo yoluntu apho bebemthandazela, bemnika nenkxaso yemali. Ukubonisa ukuba kukho abantu abalungileyo ehlabathini nokuba ubomi bakhe abukapheli.
Utata ka-anesipho kutshanje uye wathetha neli phephandaba, ebongoza umsamariya olungileyo ukuba abancede. Ulukashe ukhumbula imeko yentombi yakhe ukuqala kweyesilimela kunyaka ophelileyo.
Ngokutsho kwakhe, ekuqaleni yayibonakala njengeqhakuva emhlathini wakhe. Ufikelwe yinto ekhakhazelayo ebeyiva kwaye ebezama ukuvungula ngenxa yokuba bekuvakala ngathi kukho into ekhoyo. Xa wayesiya ekliniki, bamxelela ukuba lithambo kumhlathi wakhe lowo kwaye kufuneka awukhuphe.
Ulukashe uthe eli qhakuva laqala ukwanda. “Uthe ebhala iimviwo kweyomnga, yaye iqatsela le nto isiya iba nkulu kakhulu ingangenqindi.
Akakwazi ukubhala iimviwo kweyomnga ngenxa yokuqaqanjelwa, wathi mandimcelele kutitshala kuba akakwazi ukugxininisa esikolweni. Le nto yaya iphumela nasemehlweni akabona kakuhle. Wavuma utitshala wakhe.”
Noxa wayehleli ekhaya, ngokutsho kukalukashe, yanda ngokukhawuleza. Waya kwisibhedlele sasemakhanda emva koko watshintshelwa kwesinye egqeberha apho wavavanywa khona kodwa akukhange kubonwe isifo.
“Kweyomqungu besimane siquqa, ebefunda kwela cala lasengqushwa, ndamthatha kweyomnga wazoba kweli cala [Addo]. Sithe simane ukuhamba njalo ukuyojonga kolu vavanyo wathi omnye ugqirha ngumhlaza lo,” utshilo.
Ulukashe uthi uanesipho ufumane ichemotherapy kabini kunye neradiation kahlanu ngeveki, kodwa ayizange isebenze. Impumlo nomqala wakhe waqala ukubandezeleka ngenxa yokuba icala lobuso bakhe beliqhubeka likhula, nto leyo ebangela ukuba kube nzima ukuba aphefumle.
Ngokukalukashe, ucele uncedo kugqirha ukuba eze nesisombululo esahlukileyo ukuze akwazi ukuphefumla ngokwesiqhelo. Wenziwa utyando, apho kwasikwa umngxuma ngaphambili entanyeni kwaza kwafakwa umbhobho wokuphefumla kuqhoqhoqho ukuze umncede ekuphefumleni.
Ulukashe uqhubeka echaza imeko yentombi yakhe. “Ngoku iye yaphumela nasemehlweni, kwaphuma into ebuqhakuva kufutshane nemehlo, ladumba akabona. Lavaleka imehlo lalikhulu. Kule nyanga iphelileyo kuthe kusenjalo sabona ngalo laphinda lagqabhuka [iqhakuva] kwaphuma ubofu laphinda lehla.”
Kwenzeka into efanayo nakwelinye iliso lika-anesipho ngokutsho kukatata wakhe. Ulukashe uchaze ukuba bebezokuya kugqirha nge20 kutshazimpuzi, kodwa bekukude kakhulu kuba intombi yakhe ibinengxaki nombhobho wokuphefumla.
“La mbhobho uyavaleka, xa ekhohlela izikhohlela ziphuma pha ngoku ziyavala, ndimsa khona [kwagqirha] ngenxa ndibona evaleka,” utshilo.
Ulukashe ubhenele kwiingcali. “Ndicela uncedo loogqirha abanokuthi benze utyando loogqirha abaziingcali,” uye wacela.
Kwakhona, ucele uncedo kuluntu ukuba lucebise ngezibhedlele apho intombi yakhe inokufumana ukhathalelo olukhawulezileyo.
Ukwathethe nangeengxaki zakhe zemali kuquka neendleko zokuhamba kwakhe ukuya kula madinga oogqirha kunye nokutya okungamanzi afanele akuthengele intombi yakhe, ekufuneka itye kona kuba ayikwazi ukwetyisa ukutya okuqinileyo.
“Iyanqaba imali, kufuneke mandiyokuboleka koomatshonisa njengokuba engakwazi ukutya kuye kufuneke ndimthengele amarhewu neyogathi, okukutya
kuthambileyo.
“Ngoku iye ingoneli imali yezi zinto zonke ngoba sikhwela kathathu ukuya esibhedlele nobuya sikhwela kathathu ukuzokufika kwifama yir60 umntu emnye, ukuya egqeberha ngeteksi siphinde sibambe enye yer20 nenye yer20 ukuya
esibhedlele nangobuya ikwayilo nto,” uye watsho.
Iminikelo yayo nayiphi na imali inokwenziwa ngokufaka imali kwi-akhawunti ka-anesipho yakwacapitec ku-1923476570 [Ms. A. Gotyana] okanye ngokutsalela utata wakhe ku-071 096 6916.