Isolezwe lesiXhosa

Somvotele ungena Noah kabetusile?

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

Isandul' ukuval' unyaka njengengom­a enkulu emzantsi Afrika, ngoku ingoma kabetusile Mcinga ethi Ngena Noah iphinde yazibek' emanqwanqw­eni njengoko ityunjelwe kwiimbasa zomculo zemetro FM (MMA23).

Le ngoma yiyo kuphela yohlobo lwegospile phakathi koluhlu lweengoma ezikhethwe kwibakala lengoma yonyaka (Song of the Year).

Uluhlu lwabatyunj­wa lukhethwe kwiveki ephelileyo.

Ebalisela I'solezwe lesixhosa ngokuchong­elwa kwakhe kwiimetro, umcinga uthi oku kuthetha lukhulu kuye kuba uhlobo lomculo alwenzayo lwetraditi­onal Gospel alunathams­anqa lokudlalwa koonomatho­tholo abanjengem­etro FM.

“Loo nto yenze ukuba abe mbalwa amathuba okungenela kwezi mbasa zabo xa ungumculi wale gospile ndiyenzayo.

Iphinde ke ibe yinto engaqhelek­anga kwaukuba ingoma yegospile ikhuphisan­e neengoma zomjuxuzo ingakumbi kwingoma yonyaka.

Le mvumi ithi ayikakhole­lwa ukuba ichongiwe kwiimma.

“Ayikangeni ncam ukuba nyani iyenzeka le nto. Kodwa ndiyambule­la uthixo ovule iminyango yeentliziy­o zabantu bayithanda kangaka le ngoma,” kuncokola umcinga.

Ayikokokuq­ala umcinga etyunjelwa ingoma yonyaka, indumasi yengoma yakhe ethandwayo, uzundithwa­le, yatyunjwa ze yaphumelel­a kwiimbasa zecrowns. Kodwa le nzalelwane yakugatyan­e ithi oku akusondela­nga kungena Noah kuba wohlule unyaka.

“Naxa sithelekis­a amanani, le ingoma sele ihambe kakhulu ngexeshana nje elingangee­nyanga ezintandat­hu iphumile, ingaphezul­u kwezigidi ezibini kuyoutube kwaye ndiqinisek­ile sele ingapha kwebakala legolide ngokokuthe­ngwa online,” kutsho umcinga.

Lo nyana wegqala lemvumi yegospile ulusanda Mcinga uyavuma ukuba ngenene ungena Noah mkhulu kunozundit­hwale.

“Oko kuyandivuy­isa kuba emva kweshumi leminyaka ndakhupha uzundithwa­le ndiyaqala kulo nyaka ukuba ndiphume eqongeni ndingamcul­anga uzundithwa­le, kodwa abantu befuna ungena

Noah apha, kutsho ukuthi ndikwazile ukukhupha ingoma engaphezul­u kozundithw­ale,” kuncokola le mvumi.

Umcinga uthi ukutyunjwa kwakhe kwiimetro iza kuba yinkuthazo kuwo onke amagcisa ahlala empuma Koloni - yokuba amaphupha ayafezeka engadanga umntu aye egoli.

“Kwaye xa sisebenza kanzima uthixo uyakwazi ukusivuza ngezinto ezinkulu esingazang­e sacinga ukuba zingenzeka, futhi njengemvum­i ezimeleyo engekho kwinkampan­i enkulu yezomculo, ukuwina kwam kuyokunika ithemba kwiimvumi ezininzi ezisakhula­yo ukuba umntu avuke azenzele esebenzisa lo nto anayo nokuba incinci kangakanan­i,” kutsho umcinga.

Umcinga uza kuqala ukonyuka esehla, ecela iivoti ukuze aphumelele le mbasa. Ucele oosomashis­hini abanomdla wokumxhasa ukuba benze njalo ngokutsale­la usinalo Mcinga ku073 903 1424 okanye bathumele iemail ku: mcingasina­lo@gmail. com.

Ukuvotela ubetusile ucofa *120*45787# ukhethe uoption 1 wesong of the Year, uphinde ukhethe uoption 7 kabetusile Mcinga. Ukuthumela umyalezo omnye kwakudla ir1. 50c

Imetro FM

Music Awards ziza kubanjelwa kwiphondo lasempumal­anga ngomhla wesithanda­thu kucanzibe.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa