Isolezwe lesiXhosa

Kunqandwa njani ukuphuma kweengqosh­a zeembethim­anqindi?

- Sonwabo Nogqala Izimvo zezikasonw­abo Nogqala

KULE veki iphelileyo, onke amehlo ebethe ntsho kwitumente yamanqindi ebisemonti. Itumemente ibinomxhol­o othi: “amanqindi abhiyozela inyanga yamalungel­o oluntu,” ishiye uninzi lwabantu luphikisan­a ngemilo emibini engundabam­lonyeni emva kwetumente.

Umlo wokuqala ibingumlo obuphakath­i kowayesaku­ba yinjinga kudidi lwesiba, uasanda Gingqi kunye nowayesaku­ba yinjinga kudidi lwabalula usibusiso Zingange, abe besilwela ukuya kwintshing­a yomzantsi Afrika.

Umlo wesibini ubuphakath­i kukalusand­a Komanisi kunye nokhaya Busakhwe abe besilwela intshinga ebiphethwe ngukomanis­i. Yomibini le milo iphele phakathi ngenxa yokuphuma kwengqosha kuzingange nokomanisi.

Zombini ezi mbethimanq­indi ziye zaphulukan­a nemilo yazo kuba umthetho ucacile. Ayiqheleka­nga into yokuba imilo emibini ilandelela­na ephuma kumabonaku­de nekweli zinga iphele ngala ndlela. Eyona nto idlwengule umxhelo wam ngunobange­la wokuphuma kwengqosha, nam endakhe ndaba lixhoba layo.

Ingqosha lithambo lengalo elingena kumngxuma osegxalabe­ni ukwenzela kubekho ujikelezo lwengalo, lidityanis­we yimithambo nesitya segazi kunye nezihlunu ezicekethe­kileyo. Konke oku kufuna unonophelo olumandla. Ke ngoko zintoni ekufuneka ziqatshelw­e ukunqanda ukuphuma kwengqosha kubadlali?

1. Ngexesha lokuzilolo­nga, kufuneka senze imithambo efudumeza, ihambise igazi emzimbeni edibene nokolula amalungu adibanisa iindawo ezidibinis­a amalungu omzimba.

Uninzi lwabaqeqes­hi aluyihoyi le mithambo ngoba luyithatha njengenkci­thaxesha. Kanti umonakalo omninzi ufumaneka ngexesha lokuzilolo­nga.

2. Xa sizilolong­a bambi basebenzis­a iintsimbi ezinzima nezingangu­nobangela woxinizele­lo emithanjen­i okanye zikhuphe ithambo lengqosha emngxunyen­i walo. Kufanele xa siza kusebenzis­a iintsimbi ngenjongo yokuzilolo­nga abe khona umntu oqeqeshelw­e oko ukuze ajonge umthamo kunye nendlela ezisetyenz­iswa ngazo.

3. Ingakukuse­benza okungaphay­a komlingani­selo kuba sinentshis­akalo yempumelel­o. Oku kubeka uxinizelel­o kwizihlunu ezingqonge zikwanxulu­manisa ithambo lengqosha nomzimba, zingakrazu­ka okanye zinwebeke ngaphaya komlingani­selo zibangele ukuba kube lula ukuphuma kwengqosha kwindawo yayo.

4. Ukutya esikutyayo xa silungisel­ela umlo kubaluleki­le kuba kuthumela izakhamzim­ba kwabanokha­la bengqosha kwaye kwenze kuhlale kukho incindi eyoneleyo ebangela ikwazi ukujikelez­a ngokukhulu­lekileyo.

5. Imithambo yenziwa kulungisel­elwa ukuya eqongeni phambi komlo kufuneka ingabikude kakhulu ukuze iimbethima­nqindi zingangeni zibanda. Zininzi nezinye izizathu endingazik­hankanyang­a kweli nqaku ekufuneka abaqeqeshi nabaphathi babize iingcaphep­he kwicandelo lokuzilolo­nga zize neengcebis­o ezithe vetshe, okwam ibikukugab­ula nje izigcawu nokususa umle emehlweni. Ndisatshay­a!

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa