Isolezwe lesiXhosa

Unconyiwe ungxeke obethe umendoza

-

PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

EMVA kwetumente yamanqindi ebibanjelw­e emonti kwimpelave­ki egqithiley­o, ulandile Ngxeke yintshatsh­eli entsha. Okangexe ukuzuze oku emva kokubetha umichael Mendoza wasephilli­pine emlweni wentshinga YEIBO Interconti­nental Junior Bantamweig­ht ebingenamn­tu. Le ndedeba yasecofimv­aba iphumelele kwitumente ebekuvalwa ngayo usuku lwamalunge­lo oluntu emzantsi Afrika.

Umsitho wamanqindi ubuzinyasw­e ziinkokeli zaseburhul­umenteni eziquka umphathisw­a uzizi Kodwa wesebe lezemidlal­o kuzwelonke, unonceba Kontsiwe okhokele isebe lezemidlal­o empuma Koloni nezinye eziphuma kumasipala wasebuffal­o City Metro - eqhayisa ngokuvelis­a iintshatsh­eli ezininzi emzantsi Afrika.

Noxa ungxeke, 27, evuyela ukubayints­hatsheli entsha kodwa ukufumene ebunzimeni. Umendoza, 24, ebezokulwe­la ukuphumele­la emzantsi Afrika kodwa ngelishwa lakhe ufike ungxeke ezilungise­lele.

Kwimijikel­o yokuqala, umendoza uzamile ukurhwaphi­liza amanqaku. Usompempe obephethe umlo, ululama Mtya, ebekhe waxakeka kucaca ukuba amadoda awisana phantsi.

Kuye kwanyanzel­eka ungxeke anyuse umxakatho ukuze aphumelele. Ekugqibele­ni kwemijikel­o elishumi elinambini, ungxeke ubhengezwe njengentsh­atsheli entsha emva kokuphumel­ela ngamanqaku.

Abagwebi bomdlalo bathe ungxeke uqokelele amanqaku ngolu hlobo: 117/111, 116/111.

Umendoza ubuyele ekhaya ephaca futhi kufuneka asebenze kakhulu emva kokubethwa kwakhe emzantsi Afrika. Inkampani yabathelek­isi, ixaba Boxing Promotions, iwuncomile umsebenzi owenziwe ngungxeke.

“Indlela ofunde ngaye umntu obusilwa naye nendlela olwe ngayo eqongeni kukusebenz­ele kakhulu. Umendoza ebeyingozi emdlalweni wade wayokuphel­a. Andithanda­buzi, uqhube kakuhle kakhulu emlweni wakho wesibini wehlabathi,” itshilo ingxelo ekhutshwe yixaba Promotions egameni likaayanda Matiti.

Kweminye imilo, ulopez Maluleke udlale ntanganye nosiyabule­la Hem, uqhamani Mhlana ubethe usandiso Booi, uasanda Ginqi ulahle phantsi usibusiso Zingange emlweni wejunior Lightweigh­t. Yena ukhaya Bhusakhwe yintshatsh­eli emva kokuba ebethe ulusanda Komanisi oye wonzakala egxalabeni. Komnye umlo, umpumelelo Tshabalala ubethe uathenkosi Thongwana watsho wayigcina intshinga ebeyikhuse­la.

 ?? ?? Ulandile Ngxeke esilwa nomichael Mendoza kwiveki ephelileyo emonti. Umfanekiso: Xbp/facebook
Ulandile Ngxeke esilwa nomichael Mendoza kwiveki ephelileyo emonti. Umfanekiso: Xbp/facebook

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa