Isolezwe lesiXhosa

Yintoni eyenze waqaqamba umagala kwiqela lesizwe?

-

Bekukhe kwakubi kwiqela lesizwe lomzantsi Afrika leqakamba ngenxa yeziphumo ezibi. Imibuzo ibisoloko ikhona xa kuxoxwa ngabalande­li beqakamba ngabadlali abafana notemba Bavuma, uaiden Markram nosisanda Magala noxa ebengekabi­nayo indawo yakhe kwiproteas.

Ukusukela oko kuthe kwafika ushukri Conrad norob Walter njengabaqe­qeshi abangene endaweni eshiywe ngumark Boucher, izinto zitsho zangcono kakhulu. Indlela iqela lesizwe elidlala ngayo iphucuke kakhulu kwaye lisecicini lokuya kwitumente yehlabathi ngaphandle kobunzima obebulinde­lekile. Ubavuma nomarkram ziintsika zeproteas ngoku. Ngabo abenze indima ebonakalay­o ephunyelel­we yiproteas emidlalwen­i egqithiley­o.

Kodwa emidlalwen­i umzantsi Afrika obethe kuyo inetherlan­ds, kuye kwagqama usisanda Magala. Uqale ukuzibalul­a umzantsi Afrika udlala nengilane phambi kokwenza ezibukwayo edlalela isunrises Eastern Cape ekuqaleni kwalo nyaka kwitumente yeqakamba ekuthiwa yicricket T20 League.

Kutshanje, umagala ufumene oothinti abahlanu eyedwa emdlalweni umzantsi Afrika obethe kuwo inetherlan­ds ngekhulu elinamashu­mi amane anesithand­athu lemitsi. Ukapteini wet20i, uaiden Markram, uyincomile indima eyenziwa ngumagala kwiqela lesizwe watsho ebalula nesizathu esibangela adlale kakuhle.

“Usisanda ngumdlali odlala iqakamba ngendlela elula kakhulu. Udlala kakuhle ngoba uxhaswa liqela lonke. Yindoda engakufela xa ikubona ukuba uyayixhasa. Kuhle kakhulu okwenzekay­o ebomini bakhe njengomdla­li weqakamba ngoku. Uzenzela imbali ngoba uzinzile eqeleni futhi noogxa bakhe bayayithan­da kakhulu into ayenzayo. Xa edlala kakuhle, neqela lenza umsebenzi omhle,” utshilo umarkram emva komdlalo ogqithiley­o. Emva kokuba ubethe inetherlan­ds emidlalwen­i emibini, umzantsi Afrika ufumene indawo kwitumente yehlabathi kodwa ungaphazan­yiswa yi-ireland ukuba ingabetha ibanglades­h emidlalwen­i emithathu ekwisithub­a senyanga ezayo. Izinto zakucaca ngakumbi kwezi nyanga zizayo kumzantsi Afrika ohleli kwindawo yesibhozo kumanqwanq­wa eqakamba yehlabathi.

 ?? ?? Usisanda Magala ngumdlali weqela lesizwe lomzantsi Afrika leqakamba. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/backpagepi­x
Usisanda Magala ngumdlali weqela lesizwe lomzantsi Afrika leqakamba. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa