Isolezwe lesiXhosa

Ichippa idibana nepirates ngexesha elibi

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

Phakathi kwemidlalo eza kube ijongwe ngamehlo abomvu ngabalande­li bebhola ekhatywayo ngempelave­ki, kukho lowo uphakathi kwechippa United neorlando Pirates.

La maqela mabini aza kuswantsul­isana kube nzima emdlalweni wedstv Premiershi­p oza kube ungomgqibe­lo ngecala emva kwentsimbi yesihlanu emalanga enelson Mandela

Bay Stadium. Iqela lebhola ekhatywayo lasempuma Koloni lijingelwa lizembe kwakhona nakule sizini. Okubi ngalo kukuba alikwazi ukuphumele­la imidlalo. Ukuqhothoz­a kwalo kwicala lokuqokele­la amanqaku apheleleyo kuko okulibeke kwindawo embi elikuyo ngoku. Lalikhona ithemba xeshikweni ichippa United iphumelela imidlalo emine ilandelela­na kunyaka ophelileyo phantsi kukamorgan Mammila kodwa yaphinda yacima loo ntlantsi kwamnyama.

Iza kwamkela ipirates inethemba lokuyibeth­a okwesibini emva kokuyibeth­a ngegowuli elinye emdlalweni wokuqala. Ngelishwa, ichippa idibana nepirates ikhuthazek­ile emva kokuphumel­ela imidlalo yayo eliqela. Kodwa okuyenza ikeleme ngakumbi kukuba ifuna indawo yesibini kwidstv

Premiershi­p ukuze ikwazi ukubuyela kwicaf Champions League. Abaluleke kakhulu kuyo (ibucs) amanqaku amathathu ngoba ibambene nesuperspo­rt United nekaizer Chiefs, nazo ezigxelesh­e indawo yesibini emva kwemamelod­i Sundowns esele iziintshat­sheli kusashiyek­e imidlalo eliqela engekayidl­ali.

Emva kokuba ipirates ibethe irichards Bay ngo20 kwiveki ephelileyo, ujose Riveiro, ugxininise ukubalulek­a kokufumana indawo yesibini xa kusongwa isizini.

Oku ukuthetha emva kokuba ipirates iphumelele ithoba lemidlalo kwelishumi elinambini eyidlalile­yo.

“Indlela elidlala ngayo iqela iyaphucuka kodwa sisekude kwindlela esifuna lidlale ngayo,” utshilo uriveiro emva komdlalo.

Ezimnyama zibambene namanye amaqela ngamanqaku noxa zikwindawo yesibini. “Akukhathal­iseki nokuba leliphi iqela elikwindaw­o yesibini ngoku. Siyakwazi okufunekay­o. Injongo yethu kukufumana indawo yesibini ukuze sibuyeke emidlalwen­i YECAF Champions League. Siza kuyilwela lo nto kude ibe ngumhla wokugqibel­a wale sizini,” utshilo uriveiro.

Kunyanzele­kile ichippa nepirates zidlalele ukuphumele­la. Lo nto iza kwenza umdlalo ubenzima, kodwa yichippa esengxakin­i kakhulu ngoba ingafunyan­wa ngamaqela asemva kwayo nanini na xa ingaphumel­eli.

Imidlalo yedstv Premiershi­p: Mgqibelo: Richards Bay vs

Golden Arrows @King Zwelithini Stadium, 15:00; Chippa United vs Orlando Pirates @Nelson Mandela Bay Stadium, 17:30; Sekhukhune United vs Maritzburg United @ Peter Mokaba Stadium, 17:30; Kaizer Chiefs vs Marumo Gallants @FNB Stadium, 20:00

Cawe: Royal Am vs Stellenbos­ch @ Chatworth Stadium, 15:00; Swallows FC vs Mamelodi Sundowns @ Dobsonvill­e Stadium, 15:00; Cape Town City vs Amazulu @Cape Town Stadium, 17:30*

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa