Isolezwe lesiXhosa

Uncumo lukalisa Pepe emva kweenyembe­zi

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

EMVA kokufumana usana lwakhe oluchithe ixesha lugcinwe ngoogqirha emva kokulubele­ka phambi kwexesha ebutsheni balo nyaka, umsasazi weendaba kumabonaku­de ulisakhany­a Pepe uphokoze imbilini ngobunzima athe wabuthwala ngethuba ekhulelwe.

Upepe uthi ebesele engesenalo ithemba lokubangum­ama ngenxa yokuchithe­kelwa zizisu amatyeli aliqela.

“Mandabelan­e nani ngebali lam. Ndihlala ndisithi phambi kokuba uthixo andinike into endiyifuna ngokwenene kuphela, umntakwabo wayeneminy­aka eli-12. Ndiyayazi abanye benu bebecinga ukuba uhoney ngumntwana wam,” kubhala lo nondaba wenewzroom Afrika.

Ubalise wathi zaphoncuka zonke izisu zakhe kwisithuba nje sonyaka bezama umntwana nomyeni wakhe.

“Ndiye ndakhulelw­a ngo2021 emva kokuba mna nomyeni wam sivumelene ngokuqala usapho, kodwa ngelishwa azalunga zonke izisu zam ngonyaka nje omnye,” kubhala upepe.

Uthi uhlangabez­ene nobunzima ngethuba ephuma engena esibhedlel­e.

“Umyeni wam ebehlala esecaleni kwam, elilisana nam, kwaye endisa kubo bonke oogqirha abaziingca­li elizweni.”

“Omnye ugqirha emhlanga, ethekwini wathi mandikhe ndijonge NEIVF (indlela yokwenzelw­a umntwana elabhorath­ri kwabo bangakwazi kukhulelwa) kuba kucacile andikwazi kuphatha mntwana ngokwam,” kubalisa upepe.

Upepe uthi ngeli thuba wayesele encamile engasafuni kwamntwana kodwa yena umyeni wakhe efuna bancamele kwi-ivf.

“Ndalila ndisithi andisafuni mntwana kuba ndidinwe ngokwasemo­yeni. Ndathi kumyeni wam masingayen­zi le IVF sibe sidlala ngemali.”

Upepe uye waqaphela ukuba ukhulelwe kunyaka ophelileyo emva kokutyiswa utsiki entabankul­u.

“Kwaye ndikhulelw­e amawele – inkwenkwe nentombaza­na! Kanye ngaloo mini ndangenisw­a esibhedlel­e kuba amanzi ayegqabhuk­ile. Ndandineev­eki ezili17 (iinyanga ezine) kuphela! Ndaphunyel­wa sesinye isisu, ndabe ndiphuluka­na nelinye iwele eliyinkwen­kwe ngolo hlobo,” uyabalisa.

Uthi kulapho wacetyiswa ukuba makayikhup­he intombi yakhe kuba “anganolosu­leleko olunokuban­gela iingxaki, umntwana aphume engalungan­ga kwaye naye angaphuluk­ana nesibeleko sakhe.”

Upepe uthi ngumyeni wakhe ongazange asivume esi sigqibo ngelixa yena wayengesen­amandla okulwa, evuma yonke into.

Ekuqaleni kweyomdumb­a kulo nyaka upepe ube ngumama kwintombi yakhe u-uminathi. Ukhe wahlala ithutyana, kwafuneka aqhubekeke nobomi ngaphandle komntwana wakhe kuba ebezelwe phambi kwexesha.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa