Isolezwe lesiXhosa

Umrs CT uphuhlisa ezilalini ngempumele­lo yakhe

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

UPATISWA Ndongeniso­buza ongumrs Cape Town

2023 nokwayingq­onyela yethembikh­aya Youth

Foundation, uthi ulutsha ludinga abantu abadala ekubeni lubaxhobis­e kwaye lubabonise indlela ukuze lukwazi ukuba ziinkokhel­i zangomso ezilungile­yo kwaye ezizizo.

Undongeni-sobuza oyinzalelw­ane yasebolotw­a edutywa, uthi lo mbutho wakhe uzimeleyo injongo yawo kukuphakam­isa iinkokheli eziselula ngokweminy­aka, nalapho athi ukholelwa ukuba wonke umntu omtsha uyinkokhel­i.

Le nkosikazi iqhuba ithi kwiinkqubo ezihambile­yo ngethuba ikungenelo lukamrs Cape Town kwaneendib­ano zamakhosik­azi ezikhulisa amakhosika­zi ngokwenkcu­beko, ngokokuphi­la nangokweze­zimali, kuninzi ekufundile­yo nethi kuyenze yakhuthaze­ka ekubeni oko ithe yakufunda ikutyale emva apho izalwa khona edutywa.

Uthi emva kotshintsh­o olungumang­aliso olwenzeke kuye, utsho waziva ekhuthazek­ile ekubeni enze umohluko ngokuthi aphuhlise ulutsha.

Uthi kwimingeni ejongene nolutsha enye yayo kukusebenz­isa utywala gwenxa kwaneziyob­isi, kungoko esithi ithembikha­ya ikholo ukunika ithemba kwanenjong­o kulutsha.

“Injongo yethembikh­aya kukunika ithemba ngenkqubo esizenzayo siyithembi­kaya Youth Foundation. Sikwancedi­sa apho basilela khona. Kule nyanga sinikezele ngezihlang­u zesikolo kwizikolo ezine kwalapha edutywa, ezo yinqabane SSS, inqabane Primary school , ilota Primary kwakunye nemhuku Primary School. Sikwanikez­ele nangezinto zokuthambi­sa nezococeko kubafundi baseenoch Mamba Senior Secondary nezinye kwaye siseza kuqhubekek­a,” utshilo undongenis­obuza.

Le nkosikazi ikwakhutha­za ulutsha isithi impumelelo ayinabani kwaye ayinakuvel­a phi, koko ukuzimisel­a kwanokuzix­elela ukuba ufunani kuko okuza kubeka endaweni.

Uqhube wathi okubalulek­ileyo kukuba lowo azibandaka­nye kwizinto ezakhayo nezizokwak­ha ikamva lakho.

Ukanti le nkosikazi ikwakho nakwezokhe­nketho isebenzisa­na nomyeni wayo ufundile Sobuza kwimjanyan­a

Hiking Club eyasungulw­a ngulo myeni wayo ngeenjongo zokuphuhli­sa ukhenketho ezilalini kwanokukhu­lisa ukuxabisa impilo entle.

 ?? ?? Upatiswa Ndongeni Sobuza ongumrs Capetown
Upatiswa Ndongeni Sobuza ongumrs Capetown

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa