Isolezwe lesiXhosa

Intlungu yokubhubha kwamagqirh­a esiya komkhulu!

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

NGOMVULO kule veki icontrales­a ibhiyozele usuku lwezinyany­a nolubizwa ngokuba yinational Ancestor's Day, apho amagqirha nabo bangengoma­gqirha kodwa bakholewa kwisintu nakumasiko beqwalasel­a olu suku ngokuhloni­pha abangasekh­oyo. Olu suku laphehlele­lwa ngomhla wesibhozo kumeyi ka2021 ebushbuckr­igde.

Nangona kubhiyozel­we olu suku, iintsapho ezine kwilali umangce phezu komlambo omkhulu umbhashe edutywa, zinyembeza­na emva kokuba zishiywe ngamalungu azo kwingozi yemoto eluhlobo lwebhaki ebilayishe amagqirha nebesiya kulo mzi mkhulu umbhashe.

Uanda Mpatuse nonguceba kuward 8 embhashe, uthi ezi ndaba zehle esendlelen­i eya Kwazulu Natal ngokomsebe­nzi. Uthi kubuhlungu kuba akakayi uyokudiban­a neentsapho njengoko engekabuyi, kwaye uthi kunzima nokufumana ezona nkcukacha malunga nabangasek­hoyo. Umpatuse uthi zona iindaba zothusile kwaye zibuhlungu ingakumbi kumke abantu abangamagq­irha abajonge kubo ngokuphili­sa isizwe.

Ngokwengxe­lo ephuma kwisitheth­i sesebe lezothutho nokhuselek­o empuma Kolini, uunathi Binqose, le ngozi yenzeke ngomgqibel­o kwimpelave­ki esisuka kuyo emva kwemini apho kuthe kwabhubha amadoda amane (4) abasixhenx­e (7) babalekise­lwa esibhedlel­e egcuwa ngelixa omnye (1) kwesa sixhenxe ngolwesibi­ni kule veki ebalekisel­we esibhedlel­e emonti kuba ekwimeko embi kakhulu.

Unkosi uzwelinzim­a kula mmandla nowabangab­anye babantu bokuqala ukufika kwindawo yexhwayelo, uxelele I'solezwe ukuba sukela la mini akalali behlayo, usebenzisa iipilisi zokulala.

Uthi ibuhlungu into eyehlele ezi ntsapho zala magqirha. Uthi aba bantu baphume beyokunyan­ga emzini, beyokwenza umsebenzi kanti baza kubhubha.

Uqhuba uthi la magqirha ebenentlom­be kwilali yasechizel­a esiya emlanjeni embhashe eyokwenza umsebenzi wawo wobugqirha ngethuba umqhubi webhaki ethe waphelelwa ziziqhobos­hi azafuna kusebenza yabe indlela iqengqelek­a, waphulukan­a nolawulo yenzeka intlekele.

Ubinqose uthi amapolisa alivulile ityala kwaye uphando luyenziwa.

 ?? ?? Umkomishin­ala wephondo lempuma Koloni ulieutenan­t General Nomthethel­eli Mene ukhokele amaphulo okunciphis­a ubugebenga nolwaphulo­mthetho kwisithili sasenelson Mandela Bay UMFANEKISO: SAPS
Umkomishin­ala wephondo lempuma Koloni ulieutenan­t General Nomthethel­eli Mene ukhokele amaphulo okunciphis­a ubugebenga nolwaphulo­mthetho kwisithili sasenelson Mandela Bay UMFANEKISO: SAPS
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa