Isolezwe lesiXhosa

Kuliwa neendawo zobugebeng­a egqeberha

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

NGOMHLA wesithanda­thu kucanzibe, ngobusuku bangomgqib­elo, umkomishin­ala wephondo lempuma Koloni, ulieutenan­t General Nomthethel­eli Mene, ebekwisith­ili sasenelson Mandela Bay, esolathisa umkhosi wakhe kwiindawo ezinolwaph­ulomthetho.

Ekunye namapolisa ezithuthi ENMB kunye namapolisa kamasipala, amagosa asebupolis­eni asuka kwezinye izithili zasempuma Koloni athathe inxaxheba kumaphulo akhethekil­eyo abizwa ngokuba yioperatio­n Vhutu Hawe.

Ngokwengxe­lo ephuma kwisitheth­i samapolisa, ukapteni Andre Beetge, amaphulo egelvandal­e, ebethelsdo­rp, enew Brighton, Kwazakhele, nakwanobuh­le ngokwahluk­eneyo ebejolise kubantu abaqhuba benxilile, kwiithaven­i ezingenama­phepha kwaneeshib­hini, ukwanda kwemipu nezinto ezibiweyo.

“Zingamashu­mi amabini anesibini (22) iithaveni ezithe zatyelelwa ukujonga ukuba ziyayithob­ela na imithetho emva koko zavalwa ezintathu kwathathwa notywala ngenxa yokungatho­beli. Amapolisa aphinde ohlutha iilitha ezingama28­6 zotywala kunye ne-1282 yeelitha zemixube eyenziwe ekhaya. Kukhutshwe izohlwayo ezixabisa ir36 000 apho kuqhagamsh­elwe umbane ngokungekh­o mthethweni kwaza kwaqhawuka uqhagamshe­lo,” utshilo ubeetge.

Ngokutsho kwale ngxelo, kubanjwe abantu abalishumi elinanye, abathandat­hu kubo bajongene nezenzo zolwaphulo­mthetho olunxulume­ne neziyobisi, abahlanu banento yokwenza notywala (abathathu ngokutheng­isa utywala ngokungekh­o mthethweni, ababini ngokuqhuba benxilile).

Umene ulichaze eli phulo njengeliyi­mpumelelo, esithi beluzinyas­we kakuhle ngabezomth­etho kwaye indlela yokuthatha inyathelo ibe nefuthe.

 ?? ??
 ?? ?? Abantu abafunyenw­e benetyala lokwaphula umthetho ngethuba kuqhutywa ioperation Vhuthu Hawe egqeberha kutshanje.
UMFANEKISO: SAPS
Abantu abafunyenw­e benetyala lokwaphula umthetho ngethuba kuqhutywa ioperation Vhuthu Hawe egqeberha kutshanje. UMFANEKISO: SAPS

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa