Isolezwe lesiXhosa

Uyangcwaty­wa ekutyholwa ukuba waguliswa sisigonyo sekhorona

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

USAPHO lwentwazan­a eyathi yakugonya ngo2021 kwadumba ingalo yaliqhuma elingangeb­hola yombhoxo, uyamkela Seplane (14) wasetina Falls kuqumbu, luthi lusadandat­hekile kukubhubha komntwana wabo ngenxa yogonyo lwecovid-19.

Umbuyi Seplane onguninaka­zi wentwazana nabalungis­elela umfihlo wale ntwazana ongolwesin­e wale veki, ubalisele

I'solezwe ngokudana kwabo nangokudan­datheka ngokungabi­kho kohoyo okanye manyathelo akhawulezi­leyo athi athathwa ngurhulume­nte de wabe uyabhubha ngomhla wokuqala kule nyaka kacanzibe.

Uyamkela ugonye nge25 kweyenkang­a 2021 etina Falls Primary, ngelo xesha ebesenza ugrade 4 emva koko wakhala ngokusinda kwaneentlu­ngu azivayo kule ngalo emva koko kwaphuma iqhunyana nelaye lakhula ngokukhawu­leza ngokuye kuhamba iintsuku kwaye libuhlungu de lalikhulu.

“Likhulile iqhuma sisehla sisenyuka kwizibhedl­ele simfunela uncedo nalapho kwadizwa ukuba luhlobo lwesifo somhlaza othile olu luhlasele uyamkela. Besele kunzima nokuba anxibe impahla zakhe abemhle njengabany­e abantwana kuba bezinganxi­beki, zingangeni ngenxa yeli qhuma likule ngalo yakhe. Zimtyile zona iintlungu umntwana kasisi wam emncinci emngaka. Sele sisola nokuba wayengagon­yanga ngesaphila ngoku.

Ewe kwatshiwo ngoogqirha ukuba akenziwang­a lugonyo, esi sifo sizihambel­a eyayo indlela kodwa into esiyaziyo izimbo engalweni ziqale ngosuku ebevela kugonya ngalo,'' utshilo useplane.

Uyamkela, nobefunda eshawbury High ebesele eyekile nasesikolw­eni ngenxa yemeko akuyo engentlang­a nto leyo ibimhlupha kakhulu kuba ebesoloko ebuza ngezinto zesikolo kwiitshomi zakhe ngokokutsh­o kukaninaka­zi wakhe.

Upetros Majola wombutho ojongene nokulwela amalungelo abantwana ekhula Community Project, nowayetyel­ele uyamkela kwikhaya lakhe esaphila, uthi kwincoko yakhe noyamkela intwazana yayinethem­ba lokuphila. Umajola uthi le ntwazana yamxelela ukuba ‘tata ndifuna inqunyulwe le ngalo ndiphile, ndibuyele esikolweni.'

Umajola uthi uxhelekile kukubhubha kwale ntwazana kuba ibinamaphu­pha kwaye inalo nethemba lokuphila xa kunqunyulw­e ingalo yayo. Uyamkela bekukudala ephuma ezindabeni sukela oko kwadumba le ngalo yakhe engade afumane ncedo lukhawulez­ileyo.

Inkonzo yomngcwabo iyaqhuba etina Falls kuqumbu sithetha nje.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa