Uyangcwatywa ekutyholwa ukuba waguliswa sisigonyo sekhorona
USAPHO lwentwazana eyathi yakugonya ngo2021 kwadumba ingalo yaliqhuma elingangebhola yombhoxo, uyamkela Seplane (14) wasetina Falls kuqumbu, luthi lusadandathekile kukubhubha komntwana wabo ngenxa yogonyo lwecovid-19.
Umbuyi Seplane onguninakazi wentwazana nabalungiselela umfihlo wale ntwazana ongolwesine wale veki, ubalisele
I'solezwe ngokudana kwabo nangokudandatheka ngokungabikho kohoyo okanye manyathelo akhawulezileyo athi athathwa ngurhulumente de wabe uyabhubha ngomhla wokuqala kule nyaka kacanzibe.
Uyamkela ugonye nge25 kweyenkanga 2021 etina Falls Primary, ngelo xesha ebesenza ugrade 4 emva koko wakhala ngokusinda kwaneentlungu azivayo kule ngalo emva koko kwaphuma iqhunyana nelaye lakhula ngokukhawuleza ngokuye kuhamba iintsuku kwaye libuhlungu de lalikhulu.
“Likhulile iqhuma sisehla sisenyuka kwizibhedlele simfunela uncedo nalapho kwadizwa ukuba luhlobo lwesifo somhlaza othile olu luhlasele uyamkela. Besele kunzima nokuba anxibe impahla zakhe abemhle njengabanye abantwana kuba bezinganxibeki, zingangeni ngenxa yeli qhuma likule ngalo yakhe. Zimtyile zona iintlungu umntwana kasisi wam emncinci emngaka. Sele sisola nokuba wayengagonyanga ngesaphila ngoku.
Ewe kwatshiwo ngoogqirha ukuba akenziwanga lugonyo, esi sifo sizihambela eyayo indlela kodwa into esiyaziyo izimbo engalweni ziqale ngosuku ebevela kugonya ngalo,'' utshilo useplane.
Uyamkela, nobefunda eshawbury High ebesele eyekile nasesikolweni ngenxa yemeko akuyo engentlanga nto leyo ibimhlupha kakhulu kuba ebesoloko ebuza ngezinto zesikolo kwiitshomi zakhe ngokokutsho kukaninakazi wakhe.
Upetros Majola wombutho ojongene nokulwela amalungelo abantwana ekhula Community Project, nowayetyelele uyamkela kwikhaya lakhe esaphila, uthi kwincoko yakhe noyamkela intwazana yayinethemba lokuphila. Umajola uthi le ntwazana yamxelela ukuba ‘tata ndifuna inqunyulwe le ngalo ndiphile, ndibuyele esikolweni.'
Umajola uthi uxhelekile kukubhubha kwale ntwazana kuba ibinamaphupha kwaye inalo nethemba lokuphila xa kunqunyulwe ingalo yayo. Uyamkela bekukudala ephuma ezindabeni sukela oko kwadumba le ngalo yakhe engade afumane ncedo lukhawulezileyo.
Inkonzo yomngcwabo iyaqhuba etina Falls kuqumbu sithetha nje.