Isolezwe lesiXhosa

Indoda ephulula iinwele zamabhinqa estratweni

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

NGENXA yokunqaba kwemiseben­zi kulutsha empuma Koloni lo nto yenza uninzi luvuke luzenzele, oku kwenze noyakhela Lisa (30) welali yakubeyele Ongentla engcobo nonesidang­a kwizifundo zobuntathe­li asebenzise ingqondo yakhe acinge ekubeni izandla ezi zakhe zingamsebe­nzela njani na.

Ulisa kwiveki ephelileyo ubeke isitulo edolophini engcobo esinepheph­a elibhaliwe­yo ukuba uphulula iintloko zabantu kwaye uhlawulisa ir15 qha.

Uthi ukuze akwazi ukuphulula okanye ukuthambis­a abantu iintloko (ukubheyisa), waqala ekapa emane ukubheyisa intokazi eyayincuma nobhuti wakhe xa inesitayil­e esitsha entloko. Uthi umane eyenza le nto nakwintomb­i athandana nayo apha engcobo de wabona ukuba le yinto ayithanday­o kwaye engamtyisa xa enokuyilan­delela njengoko engasebenz­i.

Le iveki yeyesibini eqhuba neshishini lakhe lokubheyis­a iintloko zabantu edolophini engcobo. Uthi uyixhome kufacebook, abaninzi bamhleka besithi uyabhanxa logama athi uye wothuka xa kusasa ebona kwaye ithandwe luninzi kufacebook.

“Abagxeki bagxekile ke, khange ndibahoye kuba baphele sele bencoma nabo kuba bebona ukuba babodwa kule nto yokuhleka. Uninzi kwabo bebevakali­sa izimvo lundicebis­e ukuba mandongeze, ndiqhaqhe neentloko zabantu kuba bekhala besithi kuyasokoli­sa ukuqhaqha kwaye nasesaluni ngaphakath­i kuyimali ukuqhaqha intloko ephothiwey­o. Endikuvuye­layo kukuba ndingowoku­qala apha engcobo ukuza nalo mbono,” utshilo ulisa.

Uthi emva kokuthwala isidanga ngo2016 uhle esonyuka engade afumane sigxina samsebenzi, waphela esebenza kwiivenkil­e zoo“my

Friend”.

Uthi ke uzamile nasemculwe­ni efuna ukushicile­la njengokuba ewuthanda umculo kodwa akwabikho nto ilungayo.

Uyakhela okwangoku unomntu afihla kuye intloko edolophini engcobo ngokokutsh­o kwakhe, kuba esithi akakabinay­o imali yokuvuka kubeyele Ongentla eze edolophini yonke imihla.

Uvale ngelithi iingcebiso azinikwe luluntu kufacebook uza kuzenza, koko usalungisa ukuhlala kuba usaqala kwaye kwala mafutha okubheyisa iintloko zabantu uyizame nzima imali yokuwathen­ga.

Uyakhelukw­acela inkxaso nakubani onokumbone­lela ngezixhobo zeenwele kuba uthi unenjongo yokusikhul­isa kangangoko esi situlo sakhe soshishino.

Ngenene abalandeli bamqhwabel­e izandla uyakhela ngesigqibo sakhe ingakumbi engumntu ongubhuti, besithi badinga eso sibindi ngoku bengabantu abangoosis­i.

 ?? ?? Uyakhela Lisa (30) ozakhela igama kushishino lokuphulul­a okanye ukubheyisa iinwele zamakhosik­azi edolophini Engcobo. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Uyakhela Lisa (30) ozakhela igama kushishino lokuphulul­a okanye ukubheyisa iinwele zamakhosik­azi edolophini Engcobo. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa