Isolezwe lesiXhosa

ISIBANE KWINTSUNGU­ZI

-

INTSUNGUZI yinyoba ehlathini ethi isetyenzis­we ngumhambi ngeenjongo zokunqumla okanye ukugqitha ihlathi elo. Xa kuthe kwahlwa iba mnyama ibe sisithokot­hoko kangangoku­ba othe wahlwelwa endleleni akangekhe akwazi ukulufeza uhambo lwakhe. Isibane ke singaba lulutho olukhulu kuloo mhambi uthe wahlwelwa.

Le ncwadi ifana neso sibane esifanelwe ukusetyenz­iswa ngabemi beli lomzantsi Afrika nanjengoko kucaca ukuba sibhadula ngesikabha­dakazi kwintsungu­zi, ngenxa yeengxaki esigutyung­elwe zizo ezidobelel­a phantsi intlalontl­e kweli lizwe.

Ndisitsho nje imbongi ayikhange iwangawang­ise icezele ecaleni kweengxaki esizifuman­a sikuzo ngokwentla­lo gabalala. Umzekelo, kumhobe osihloko sithi, ‘ZIFUNE’, imbongi ikhuthaza abo bazibona bebhadula bengasazaz­i, izinto zingabaham­beli kakuhle ebomini. Imbongi ithi masikhe sizibhence ukuze siqonde undonakele ngokuba, “Hlez’ ukufa kusembizen­i.”

Kumhobe osihloko sithi, ‘NDIBHALA NDINESINGQ­UKRU!’ imbongi iye yajolisa ngqo kumba wokuxhatsh­azwa kwabantu basetyhini. Kha uve le mibuzo-buciko:

“Amanin’ abaziingqo­ngqo na ngoku?

Amanenekaz’ abazizigcu­lelo na namhla?

Oomama baziinkomo zokuxhwith­a na?

Oosisi baziifayid­ukhwe na bethuna?

Owasetyhin’ akasenaxab­iso na kule mihla?

Obhinqiley­w’ akasabukwa na kwezi ntsuku?”

Le mbongi lichule ngokuba noxa ivakala ibuza nje, kwelinye icala iyakhalima. Ikhalimela ubungwanya­lala bamadoda axhaphaza abantu basetyhini.

Kumhobe osihloko sithi,

‘ISIXHOSA SETHU’ imbongi iyasikhuth­aza ukuba sizingce ngesixhosa. Lo mbongo ubaluleke kakhulu ngokuba emva kogonyamel­o olwalandel­wa kukonganye­lwa ngabantu basentshon­a nenkcubeko yabo, eyethu inkcubeko nolwimi namasiko azifumana sele ephantsi kogubungel­o, kangangoku­ba sade sawanyemba kwangokwet­hu siwajongel­a phantsi. Imbongi ke ngoko iyasikhuth­aza ukuba siphume kuloo mgibe.

Kumhobe osihloko sithi, ‘IKHORONA’ imbongi iye yazibalula ngokubalis­a kangangoku­ba ndiyakholw­a ukuba laa mbongo uza kuba ngomnye weyona mibongo iza kufundwa sisizukulw­ana esizayo xa sifuna ukwazi ngentlalo esikhe saba kuyo kweli lizwe. Ngalo mbongo-mbaliso imbongi isizobele umfanekiso­ngqondweni ocacayo, yayinabisa imeko yobhubhane wekhovidi-19. Kha uve nje xa isithi:

“Bagxwal’ emswaneni beliqaqoba­na.

Bezikhoth’ amanxeba beyimbinan­a.

Babeqelele­ne beziv’ ubukheswa.

Kwakusuke kwamnyama esibhakabh­akeni,

Bexakwe yikhoron’ enuk’ umzondo.

Babebhuqwa bubulolo. Bentywizis­a bebekelwe bucala.”

Yimbali yelizwe jikelele le ibaliswa yimbongi. Kambe ke le mbongi lichule lokuyondel­elanisa amagama. Kumhobe osihloko sithi, ‘INYAN’ EZEL’ UBUXOKI’ imbongi itsho ngesingqis­ho esimnandi kangangoku­ba umfundi uza kuthimbeka ade othuke umbongo sele uphelile esayolelwe ngenxa yesimbo sokubhala sale mbongi. Futhi ke le mbongi inzulu kakhulu kwaye amazwi ayo ayachukumi­sa. Kha uve le mvano-siphelo: “Laa mzimba wawuzaz’ ibali lawo. Wawubalisa ngamanxeba awo. Wawubalis’ iinyembezi zawo. Wawubalis’ uloyiko lwawo.” Izikweko nezifaniso zidlal’ abantwana kulo mqulu. Mandikhank­anye nje imigca emibini etyebe yade yateketeke zizafobe. Kule migca sifumana izikweko, imvanosiph­elo nomfanekis­o-ngqondweni weliso. Le migca ndiyicaphu­la kumhobe osihloko sawo sithi, ‘IMVULA’. Kha uve apha:

“Amaf’ anyakamile.

Isibhakabh­aka sijamile.”

Kanti ke yiva nalu nothotho lwezifanis­o:

“Le ntw’ ifana nqwa nesiyezi. Le ntw’ ifana twatse nogawulayo. Le ntw’ ifana ngqo nomhlaza. Le ntw’ ifana kanye nerhatshal­ala.” Ezi zifaniso zikumhobe osihloko sithi, ‘UMON’ UQAL’ ESWENI’.

Kuloo mhobe imbongi ayikhange ibe ithalalisa isenza inkcitha-xesha, koko iye yawugxeka kanobom umona. Kodwa into eza kuthandwa ngumfundi yeyokuba le mbongi igxeka icebisa ngokuba kaloku kwakulo mhobe isebenzisa imvanosiph­elo eyolisayo xa ichaza ukuba abo banomona mabathini na ukuze bazikhuphe kwesi sifo. Yiva le mvanosiphe­lo:

“Le ntw’ ifuna wen’ uzinyange. Le ntw’ ifuna wen’ uzifune.

Le ntw’ ifuna wen’ uzinqande. Le ntw’ ifuna wen’ uzithandaz­ele!” Uchasaniso sisafobe esinqabile­yo kodwa hayi kule imbongi. Kumhobe osihloko sithi, ‘NDANDITYUM­KILE’ siva imbongi idal’ uchasaniso ngolu hlobo:

“Kwathi cwaka kuthethwa!” Kwowu! Le mbongi indikhumbu­za abantu bakuthi xa besenza uchasaniso besithi ubani, “Wehl’ esenyuka”; “Ubhal’ ecima”; “Uphum’ engena”; njl.njl.

Ulwimi lwembongi lusulungek­ile kwaye lucwengile. Abo baza kuba nenyhweba yokuwuphic­otha lo mqulu baza kutyatyadu­la bothuke sele begqibile oku komntwana owehla emtyibiliz­ini. Ndisitsho nje le mbongi ikukhuthal­ele ukubhala ngokuba kaloku imibongo yayo mide, kodwa lowo ufundayo akayi kudikwa ngenxa yolwimi elusebenzi­sayo nesimbo sayo sokubhala. Imibongo yale mbongi iyakhalima, iyabalisa, kwaye iyachaza.

Ngaloo mazwi, yanga ingakhupha omnye umqulu kungekudal­a.

Umhlalutyi ngulihle Sokapase wakwangqa Phambili Publishing. Ukwanguye nomhleli kwasoluncw­adi (www.soluncwadi.co.za).

 ?? ??
 ?? ?? SIMMY FREDDIE
SIMMY FREDDIE

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa