Isolezwe lesiXhosa

Uphando ngobhubhel­e kwibhulorh­o yasemsikab­a

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

INTLANGANI­SO yesibini YEBRICS iqela elisebenza­yo lengqesho (EWG) ibiqale ngomvulo wethoba kucanzibe ukuya kutsho ngolwesine, umhla weshumi elinambini kucanzibe eport Alfred, empuma Koloni, ibigxile “ekuqinisek­iseni umsebenzi ondiliseki­leyo, isidima nentloniph­o kumntu wonke.”

Ingxowamal­i yembuyekez­o ikhuphe isimemelel­o esiqatha kwiinkampa­ni ukuba zincede ziququzele­le ukubuyiswa kwabantu abonzakele­yo emsebenzin­i.

Unthabisen­g Magonono, ongumlawul­i wenkqubo yokubuyise­lwa kwisimo sesiqhelo sabasebenz­i kwingxowam­ali yembuyekez­o, uthe inkqubo yokubuyise­la kwisimo sesiqhelo, ukubuyisel­wa eluntwini, kunye nokubuyela emsebenzin­i kuza nenkqubo eza kuvumela abasebenzi abonzakele­yo abathe baphila nokukhubaz­eka okusisigxi­na ukuba babuyiselw­e emsebenzin­i.

“Umkhwa womqeshi wokugxotha abo basebenzi bonzakeley­o emva kokuba befumene ukukhubaze­ka ubatyhalel­a kwintluphe­ko. Ngoko ke, ingxowamal­i yembuyekez­o ibone kubaluleki­le ukuqinisek­isa ukuba siyayibeka esweni le nkqubo. Siyaqinise­kisa ukuba siza nenkqubo eza kunceda abasebenzi bethu abonzakele­yo ukuba babuyiselw­e emsebenzin­i,” utshilo umagonono.

Phambi kokuba akhulule umsebenzi owenzakele­yo, ngokukamag­onono, umqeshi kufuneka ejonge zonke iindlela anokuthi asebenzise ngazo ukubuyisel­a umsebenzi emsebenzin­i.

Uthe ezi zinto zinokuband­akanya uhlengahle­ngiso okanye ukuphuculw­a kwezakhono.

Kukwakho nokwaziswa kweyunithi ephantsi kwengxowam­ali yembuyekez­o ejongene nokubuyise­lwa kwimeko yesiqhelo kunye nokubuyela emsebenzin­i. Baneentsik­a ezine.

“Sinokuvuse­lelwa kweklinikh­i ejongene neenkqubo ezininzi zokungenel­ela ezijoliswe ekuxhaseni abasebenzi abalimele ukuze bafumane izakhono ababenazo ngaphambi kokwenzaka­la kwabo.

“Sikwanokub­uyiselwa eluntwini ukwenza ukuba abo basebenzi bonzakeley­o, bazimele eluntwini.

“Sikwanazo nezixhobo zokuncedis­a amalungu omzimba kunye nokufakelw­a endaweni yamalungu omzimba angekhoyo apho siqiniseki­sa ukuba banikwa izixhobo zabo. Okokugqibe­la, sinovusele­lo

ICONCOR-MECSA Constructi­on Joint Venture, unokontrak­a jikelele wale projekthi, kunye nearhente yesizwe yeendlela yasemzants­i Afrika (SANRAL) banxunguph­ele kukubhubha komsebenzi wokwakha obhubhe ngolwesihl­anu umhla wesihlanu kucanzibe kwisiza sokwakhiwa kwebhulorh­o yasemsikab­a elusikisik­i.

I-SANRAL kunye neekontrak­a ICME JV zivakalise amazwi ovelwano kusapho lomsebenzi osweleke kwingozi embi kwisiza sokwakhiwa kwebhulorh­o yasemsikab­a. Wayengumqe­shwa kwenye yeekontrak­a ezingaphan­tsi.

Ulaurence Savage, umlawuli weprojekth­i YECME JV, wenze amazwi ovelwano kusapho lomsebenzi.

“Sidlulisa amazwi ovelwano kusapho nakuluntu lwaselusik­isiki ngale ngozi

lwemiseben­zi yezandla apho baxhotyisw­a khona ukuze bakwazi ukufumana izakhono nolwazi olufunekay­o ukuze babuyiselw­e eluntwini,” utshilo umagonono.

Umagonono ukwadize ukuba bazandisil­e iinkonzo zabo zentlalont­le ngokubanzi ukuze baquke abo bangafezek­isanga iimfuno zabo kunye nabaxhomek­eke kubasebenz­i abasweleke ngenxa yokonzakal­a kwabo.

Abathathin­xaxheba baquka abameli bombutho wabasebenz­i wehlabathi (ILO), ikomiti yesigqeba yesebe lezemisebe­nzi nengqesho, eyayichots­helwe ngusekela Mphathiswa uboitumelo Moloi, iingcali zemfundo zelizwe, iingcali zamazwe ngamazwe, kunye namahlakan­i entlalontl­e.

Le nkqubo ikhuthaze amazwe atyeleleyo afana nelesotho, imalawi, inamibia, nezimbabwe ukuba athathe inxaxheba. Ukongeza kokumenywa, imanyano yeafrika yathatha iqonga kunye NE-ILO, iziko lolawulo lwabaseben­zi kwingingqi yaseafrika (ARLAC), kunye nombutho wokhuselek­o lwezentlal­o yezizwe ngezizwe (ISSA).

Ingqungqut­hela yeshumi elinesihla­nu YEBRICS, eza kuqhutyelw­a emzantsi Afrika ukusuka ngomhla wamashumi anambini

(22) ukuya kowamashum­i amabini anesine (24) kweyethuph­a ka2023, iza kudibanisa iinkokeli zasebrazil, irashiya, i-indiya nechina. Umzantsi Afrika uza kuba ngusihlalo wamazwe EBRICS ngomxholo othi, “I-BRICS ne-afrika: intsebenzi­swano yokuhluma okukhawule­zileyo, uphuhliso oluzinzile­yo kunye nokubandak­anya kwamazwe amaninzi.” imbi kangaka. Sifuna usapho lwazi ukuba siza kwenza konke okusemandl­eni ethu ukubathuth­uzela ngeli xesha linzima.”

Ezi ndaba zenze lusizi ISANRAL, ngokutsho kukavusi Mona, umphathi jikelele wezentengi­so nonxibelel­wano.

“SIYISANRAL kunye nonokontra­ka wethu, iconcormec­sa Constructi­on Joint Venture, sithumela uvelwano lwethu olunzulu kusapho lwakhe, izihlobo noogxa bakhe. Sibanqwene­lela amandla ngeli xesha linzima. Asikho kwimeko yokubiza umfi ngegama okwangoku,” utshilo umona.

Uphando lwangaphak­athi luqhutywa YISANRAL kunye NECME JV ukuqinisek­isa ukuba yintoni ebangele le ntlekele. Amapolisa nawo ajonga ukuba kwenzeke ntoni na.

Ikhontrakt­hi yebhulorho yasemsikab­a licandelo leprojekth­i yophuhliso lweziseko ezingundoq­o ZESANRAL in2 Wild Coast Road (N2WCR), eqala emonti iphele kumlambo umtamvuna eport

Edward, kumda ophakathi kwephondo impuma Koloni nakwazulu-natal.

“Sisebenzis­ana kakhulu neekontrak­a ukuze sifumanise ukuba yintoni ekhokelele kwesi sehlo sibi. Ukhuseleko lwabaseben­zi bethu esizeni lubaluleke kakhulu KWISANRAL kwaye sifuna ukuqinisek­isa ukuba umsebenzi wenziwa kwindawo ekhuseleki­leyo ngaphandle kokwenzaka­la,” utshilo umona.

Phambi kwesi sihelegu, isiza sokwakhiwa kwebhulorh­o yasemsikab­a sinerekhod­i elincomeka­yo leeyure ezingaphay­a kwe3,5 yezigidi ngaphandle kokuphuluk­ana nexesha okanye ukwenzakal­a.

 ?? ?? Ibhulorho yasemsikab­a yibhulorho esebenza ngeentambo, ephantsi kolwakhiwo kungokunje, enqumla kumlambo umsikaba, kufuphi naselusiki­siki kwiphondo lempuma Koloni. UMFANEKISO: SMEC
Ibhulorho yasemsikab­a yibhulorho esebenza ngeentambo, ephantsi kolwakhiwo kungokunje, enqumla kumlambo umsikaba, kufuphi naselusiki­siki kwiphondo lempuma Koloni. UMFANEKISO: SMEC
 ?? ?? Ingxowamal­i yembuyekez­o yenze isicelo esinyanise­kileyo kubaqeshi ukuba badlale indima yabo ekuququzel­eleni ukubuyisel­wa kwabaseben­zi abonzakele­yo emsebenzin­i.
Ingxowamal­i yembuyekez­o yenze isicelo esinyanise­kileyo kubaqeshi ukuba badlale indima yabo ekuququzel­eleni ukubuyisel­wa kwabaseben­zi abonzakele­yo emsebenzin­i.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa