Kuchongwe inenekazi eliyintloko okokuqala yisafa
EKUQALENI kwale veki, isouth African Football Association (Safa) yenze imbali ngethuba ityumba ulydia Monyapao njengengqonyela yayo ebambeleyo.
Ukunyuselwa kukamonyapao kulandela isibhengezo sokulahla kukatebogo Motlanthe njengengqonyela yesafa.
Kwiveki ephelileyo, kuye kwathi tshitshilili kumajelo eendaba iindaba ezithi umotlanthe ukhethe ukubeka phantsi ngenxa yezinto ezithile ezenzekayo ngaphakathi kwisafa yena angahambisaniyo nazo, batsho abasemfuthweni. Kanti kwelinye icala, iingxelo zithi umotlanthe angathathwa yipremier Soccer League.
Okamotlanthe wafika kwisafa kunyaka ongaphaya kophelileyo (2021) emva kokuhamba kukadennis Mumble.
Uqinisekisile umotlanthe ukuba mgokwenene ubeke phantsi kodwa wakhanyela ukuba uhambe ngenxa yeengxaki ezifana nongenelelo obe lusenzeka emsebenzini wakhe kwisafa.
“Ndilahlile njengengqonyela yesafa. Incwadi ndiyibhalile ndiyinike abaphathi bombutho olawula ibhola ekhatywayo, kodwa andiyazi le ijikeleza kumajelo eendaba,” utshilo umotlanthe.
Ukuchongwa kukamonyepao kwamkelwe kakuhle ngabalandeli bebhola ekhatywayo ngoba wayengumdlali weqela lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo futhi usuka kwisikhundla esiphezulu kwaphaya kwisafa.
Kwicala lemfundo, umonyepao ufunde wade wayityekeza. Abaphathi besafa bakhawuleze bafaka umntu esikhundleni esiphezulu embuthweni olawula ibhola ekhatywayo emzantsi Afrika ngoba bekukho intlanganiso yesigqeba esilawulayo.
Umongameli wesafa, ugqirha Danny Jordaan, uthe onke amalungu esigqeba esilawulayo akwamkele futhi ayakuxhasa ukuchongwa kwengqonyela ebambeleyo.
“Wonke umntu uyakuxhasa ukunyuselwa kukamonyepao. Siyavuyisana nawe kodwa kufuneka uyitshaye isaqhuma ngoba izinto zininzi. Asikwazi ukuhlala kukho isikhundla esingenaye umntu. Yiyo le nto sikhawuleze sachonga umntu oza kungena kuso,” utshilo ujordaan ekuqaleni kweveki.
Phakathi kwemiba aza kujongana nayo ulydia luqeqesho lwabaqeqeshi abaqeqesha amaqela adlala phantsi kwepsl.