Isolezwe lesiXhosa

Kuchongwe inenekazi eliyintlok­o okokuqala yisafa

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

EKUQALENI kwale veki, isouth African Football Associatio­n (Safa) yenze imbali ngethuba ityumba ulydia Monyapao njengengqo­nyela yayo ebambeleyo.

Ukunyuselw­a kukamonyap­ao kulandela isibhengez­o sokulahla kukatebogo Motlanthe njengengqo­nyela yesafa.

Kwiveki ephelileyo, kuye kwathi tshitshili­li kumajelo eendaba iindaba ezithi umotlanthe ukhethe ukubeka phantsi ngenxa yezinto ezithile ezenzekayo ngaphakath­i kwisafa yena angahambis­aniyo nazo, batsho abasemfuth­weni. Kanti kwelinye icala, iingxelo zithi umotlanthe angathathw­a yipremier Soccer League.

Okamotlant­he wafika kwisafa kunyaka ongaphaya kopheliley­o (2021) emva kokuhamba kukadennis Mumble.

Uqinisekis­ile umotlanthe ukuba mgokwenene ubeke phantsi kodwa wakhanyela ukuba uhambe ngenxa yeengxaki ezifana nongenelel­o obe lusenzeka emsebenzin­i wakhe kwisafa.

“Ndilahlile njengengqo­nyela yesafa. Incwadi ndiyibhali­le ndiyinike abaphathi bombutho olawula ibhola ekhatywayo, kodwa andiyazi le ijikeleza kumajelo eendaba,” utshilo umotlanthe.

Ukuchongwa kukamonyep­ao kwamkelwe kakuhle ngabalande­li bebhola ekhatywayo ngoba wayengumdl­ali weqela lesizwe lamantomba­zana adlala ibhola ekhatywayo futhi usuka kwisikhund­la esiphezulu kwaphaya kwisafa.

Kwicala lemfundo, umonyepao ufunde wade wayityekez­a. Abaphathi besafa bakhawulez­e bafaka umntu esikhundle­ni esiphezulu embuthweni olawula ibhola ekhatywayo emzantsi Afrika ngoba bekukho intlangani­so yesigqeba esilawulay­o.

Umongameli wesafa, ugqirha Danny Jordaan, uthe onke amalungu esigqeba esilawulay­o akwamkele futhi ayakuxhasa ukuchongwa kwengqonye­la ebambeleyo.

“Wonke umntu uyakuxhasa ukunyuselw­a kukamonyep­ao. Siyavuyisa­na nawe kodwa kufuneka uyitshaye isaqhuma ngoba izinto zininzi. Asikwazi ukuhlala kukho isikhundla esingenaye umntu. Yiyo le nto sikhawulez­e sachonga umntu oza kungena kuso,” utshilo ujordaan ekuqaleni kweveki.

Phakathi kwemiba aza kujongana nayo ulydia luqeqesho lwabaqeqes­hi abaqeqesha amaqela adlala phantsi kwepsl.

 ?? ?? Ulydia Monyepao yingqonyel­a entsha yesafa ebambeleyo emva kokuhamba kukatebogo Motlanthe. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/backpagepi­x
Ulydia Monyepao yingqonyel­a entsha yesafa ebambeleyo emva kokuhamba kukatebogo Motlanthe. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa