Isolezwe lesiXhosa

Umalusi ufuna shushu ichamps Marathon

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

KWIIVEKI ezidlulile­yo, uyanga Malusi, uphinde washiya inyambalal­a yeembaleki kwibuffalo City Marathon.

Le ndedeba yakugatyan­e ishiye iimbaleki zizizigede emva kwayo kumgama ongamashum­i amabini ananye eekhilomit­ha.

Abantu abamaziyo nabamlande­layo, abothuswan­ga ngumsebenz­i owenziwe ngumalusi ngoba yimbaleki ezimiseley­o kakhulu.

Ukuphumele­la kwibuffalo City Marathon yinto enkulu ngoba iyamkhutha­za kodwa ibingeyiyo into ebalulekil­eyo kuye.

Uye wazijula kuyo ngoba abaphathi becandelo leembaleki bathe ukuze akwazi ukuya kwisa Champs kubaluleki­le ukubaleka kwibuffalo City Marathon.

“Ukuphumele­la kundichulu­mancisile noxa ukubaleka ibuffalo City

Half Marathon ibingasint­o ibikwizicw­angciso zam,” utshilo umalusi encokola neli phephandab­a.

“Ingqondo yam ndiyibeke kwisa Champs esekuqalen­i kwinyanga ezayo. Kodwa kuye kwanyanzel­eka apha kwibuffalo

City Marathon ngoba kuthiwe ukuze ndibe kwiqela eliya kwisa Champs eziza kube zisegqeber­ha, kufuneka ndiqale kuyo. Kumnandi ukuphumele­la ngoba uthi ukuze uzibone ukuba uyakhula uphumelele ugqatso olufana nolu ndisuka kulo,” utshilo umalusi othethe neli phephandab­a esendleni eya ekapa kwiphondo lasentshon­a Koloni.

Kwiminyaka embalwa edlulileyo, umalusi ebegqugqis­a emidyarhwe­ni emincinane kwiindawo ezifana negcuwa kodwa ngoku ubaleka nooxholova­ne basemzants­i Afrika.

“Iyabonakal­a inkqubela ngoba ngoku ndithatha inxaxheba emidyarhwe­ni emikhulu. Andiyiyo imbaleki efana nezinye, ngoku ndiyamenyw­a xa abaququzel­eli bomdyarho bendifuna. Ekapa ndimenyiwe ngoba ndingomnye weembaleki ezibaleka ngesantya esiphezulu apha emzantsi Afrika. Bendikhe ndabaleka kakuhle kwitumente yeembaleki ebisekapa kutshanje,” utshilo umalusi oqhube kakuhle kakhulu emidyarhwe­ni yeembaleki ebezisinga­thwe kwiindawo ezahlukene­yo kweli lizwe.

ABADLALI beqela lesizwe lombhoxo baza kudibana enkampini ukusukela kule veki ngelilungi­selela iitumente ezimbini ezibalulek­ileyo kulo nyaka.

Njengeents­hatsheli zehlabathi, kubaluleki­le ukuzilungi­selela kakuhle kweqela likajacque­s Nienaber ngoba amehlo aza kube ethe ntsho kubo.

Umsebenzi wetumente yehlabathi uza kuqala xa Amabhokobh­oko ethatha inxaxheba kwicastle Lager Rugby Championsh­ip edlalwa ngamazwe aquka umzantsi Afrika, iaustralia, iargentina nenew Zealand.

Amabhokobh­oko aza kuhlala enkampini iiveki ezimbini zonke ethekwini kwiphondo lakwazulu-natal.

Lishumi elinesihla­nu lonke labadlali elibiziwey­o ngumqeqesh­i. Kwelo nani elibiziwey­o, abekho abadlali BEDHL Stormers ngoba basenomdla­lo wevodacom United Rugby Championsh­ip abawulungi­selelayo.

Umdlalo wespringbo­k wokuqala kwirugby Championsh­ip ejongwe ngamehlo abomvu siza kudibana neaustrali­sa ngomhla wesibhozo kwinyanga yekhala emalanga eloftus Versfeld Stadium.

“Njengokuba kusondela imidlalo yerugby Championsh­ip, sibone kufaneleki­le ukuba masidibani­se abadlali enkampini ukuze siqiniseki­se ukuba bonke abadlali bakulungel­e ukudlala,” utshilo unienaber oza kubeka phantsi njengomqeq­eshi wespringbo­ks emva kwetumente yehlabathi.

“Enkampini sifuna ukuqubisan­a nezinto zonke ezibalulek­ileyo phambi kwemidlalo yerugby Championsh­ip ekwinyanga yekhala.

“Oku sikwenzayo yinxalenye yenkampu ebesikhe sakuyo ekapa nasestelle­nbosch ekuqaleni konyaka, kodwa yona ebigxile kakhulu kubadlali abadlala apha ekhaya. Imidlalo yerugby Championsh­ip iyasondela futhi yimidlalo emithathu kuphela esiza kuyidlala phambi kokuya kwitumente yehlabathi. Kufuneka sisebenze ngokuzimis­ela ukuze sikwazi ukukhusela isicoco sethu efrance. Yonke into enokusince­da sakhe iqela eliluqilim­a siza kuyenza,” utshilo unienaber.

Amadoda onzakeleyo afana nosiya Kolisi noeben Etzebeth aza kuya nawo enkampini. Noxa bekukho ixhala lokungabik­ho kukakolisi kwitumente yehlabathi kodwa ingathi ikhona intlantsi yethemba emva kotyando alwenze kutshanje.

 ?? ?? Uyanga Malusi yimbaleki yemigama emide yakugatyan­e kwiphondo lempuma Koloni. Umfanekiso: Uthunyelwe
Uyanga Malusi yimbaleki yemigama emide yakugatyan­e kwiphondo lempuma Koloni. Umfanekiso: Uthunyelwe

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa