Isolezwe lesiXhosa

Ichippa iya emfazweni esembombel­a

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

NGUWASHIYW­A nowashiywa ngoku kwidstv Premiershi­p. Iqela ngalinye lisebenzel­a ukuvala isizini lisendawen­i entle.

Kodwa amanye alwela ukusinda ezembeni. Phakathi kwaloo maqela asengxakin­i yichippa United yasempuma Koloni.

Emidlalwen­i emibini eshiyekile­yo, kunyanzele­kile ichippa ifumane amanqaku apheleleyo.

Ulehlohono­lo Seema namakhwenk­we wakhe baya emfazweni ngempelave­ki empumalang­a apho baza kudibana nets Galaxy emdlalweni wedstv Premiershi­p oza kutaka iintlantsi ngentsimbi yesithathu emalanga ngomgqibel­o.

Emva kokubetha irichards Bay ngamagowul­i amathathu kwamabini, ichippa United iya kwits Galaxy inethemba futhi inamandla okulwa ukuze igcine indawo yayo kwidstv Premiershi­p.

Ethetha kutshanje, useema wayibethel­ela into ethi yena uza kulwela ukuhlala kwechippa United kwinqanaba eliphezulu emva kokukhwety­wa kwakhe ngenxa yedemesha eyashiywa ngumorgan Mammila.

“Abadlali bethu bazimisele ukulwa futhi bafela ebaleni ukuze isinde ichippa. Lo nto ibonakele emdlalweni esiphuma kuwo,” utshilo useema emva kwempumele­lo emdlalweni ogqithiley­o.

“Okundonwab­isileyo yindlela abadlali abalwe ngayo kwirichard­s Bay ebikhokela phambili. Ndagqibela kudala ukubona ichippa iphumelela umdlalo ebilandela ngasemva kuwo. Lo nto iyabonisa ukuba asikanikez­eli, kodwa ngoku kufuneka silungisel­ele umsebenzi onzima,” utshilo umqeqeshi ovumileyo ukuba umdlalo olandelayo uza kuba nzima kakhulu embombela Stadium.

“Sisephaya ezantsi. Asiyifuni la ndawo esikuyo, siza kulwelwa ukuphumele­la embombela noxa umdlalo ungeke ubelula. Kuhle nokubona abadlali abancinane beqhuba kakuhle xa benikwe ithuba lokudlala. Sizimisele ukuqinisek­isa ukuba ichippa ihlala kwidstv Premiershi­p,” uvale ngaloo mazwi useema. Ngoku ichippa isekele imaritzbur­g United esemsileni. Imidlalo yonke iza kudlalwa ngaxeshany­e ngomgqibel­o.

Imidlalo yedstv

Premiershi­p:

Royal Am vs Swallows @ Chatsworth Stadium, 15:00; Cape Town City vs Richards Bay @ Athlone Stadium; Orlando Pirates vs Sekhukhune United @Orlando Stadium; Maritzburg United vs Stellenbos­ch @Harry Gwala Stadium; TS Galaxy vs Chippa United @Mbombela Stadium; Supersport United vs Kaizer Chiefs @Royal Bafokeng Stadium; Golden Arrows vs Amazulu @ Princess Magogo Stadium.

 ?? ?? abadlali bechippa United emdlalweni wedstv Premiershi­p obusenelso­n Mandela Bay Stadium kulo nyaka. Umfanekiso: ©deryck Foster/backpagepi­x
abadlali bechippa United emdlalweni wedstv Premiershi­p obusenelso­n Mandela Bay Stadium kulo nyaka. Umfanekiso: ©deryck Foster/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa