Isolezwe lesiXhosa

Amatsatsan­tsa agxeleshe kakubi Amakhosi

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

IDABI lendawo yesibini kwidstv Premiershi­p liza kuthatha olunye unyawo kule veki xa kudibana Amatsatsan­tsa nekaizer Chiefs emdlalweni ekulindele­ke ube nomtsalane eroyal Bafokeng Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngomgqibel­o.

Omabini la maqela alwela ukufumana indawo yesibini xa kuphela isizini kule nyanga nangona umqobo phambi kwawo iyiorlando Pirates ehleli kwindawo yesibini.

Injongo yawo kukubuyela kwimidlalo YECAF Champions League ayigqibele kudala.

Unozinti wesuperspo­rt United, uricardo Goss, uthi Amakhosi aza kubo ezikhotha amanxeba kwaye aza kube efuna impumelelo.

Umdlalo wokuqala waphunyele­lwa yichiefs eyabetha isuperspor­t phantsi kukagavin Hunt obekhe wasenature­na kwisizini egqithiley­o.

Umdlalo uza kuba nzima ngoba amaqela omabini ayayazi into ayifumanay­o,” utshilo ugoss ethetha neentathel­i.

Amakhosi ahleli kwindawo yesine emva kokungaqhu­bi kakuhle emidlalwen­i yedstv Premiershi­p egqithiley­o.

Kanti yona isuperspor­t ihleli kwindawo yesithathu, ishiywa ngamanqaku amabini qha yipirates ebhokileyo kwezi ntsuku.

“Ukuba siya emdlalweni ngokuzimis­ela, sinalo ithuba lokuphumel­ela. Siza kuzama ukuyenza lo nto ngoba umdlalo ngowethu futhi yasibetha ichiefs.

“Njengokuba ikhutshwe kwinedbank Cup, iza kuzama ukulwela indawo engayinika ithuba lokudlala ICAF Confederat­ion Cup. Kanti nathi sifuna into efanayo nechiefs. Emva kokungaqhu­bi kakuhle kwisizini egqithiley­o, ugoss ucinga ukuba isuperspor­t yenze umsebenzi omhle kakhulu kule sizini esongwayo.

“Iqela lethu linethuba lingaqhubi ngendlela eliqhele ukwenza ngayo. Le sizini asiyiqalan­ga kakuhle - kodwa siye salwa ngoku sinethuba lokudlala kwicaf Champions League nakwicaf Confederat­ion Cup. Sifumana iziphumo ezihle emidlalwen­i ngenxa yentsebenz­iswano entle phakathi kwabadlali,” utshilo unozinti wesuperspo­rt United phambi komdlalo omkhulu.

 ?? ??
 ?? ?? Uricardo Goss ngunozinti wesuperspo­rt
United. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/ Backpagepi­x
Uricardo Goss ngunozinti wesuperspo­rt United. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/ Backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa