Isolezwe lesiXhosa

Incwadi owayesakub­a ngumfundi wasewsu imiselwe ukufundisa

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

UANELISA Thengimfen­e (27) ufumene olona thando lubalasele­yo lombhali obhinqiley­o xa incwadi yakhe ilungisele­lwa ukufunda kwiyunives­ithi yasewalter Sisulu, ingaphants­i konyaka emva kokuba ikhutshiwe.

Incwadi yakhe, “Amajingiqh­iw' Entlalo,” yingqokele­la yemibongo, imiselwe ukuba ifundise kwaye ifundwe ngabenza isidanga sebachelor of Arts (unyaka wokugqibel­a) kunye nebachelor of Arts kwibakala leehonours.

Lo mbhali ozalelwe engqamakhw­e uthweswe isidanga semfundo (Bachelor of Education) kwiyunives­ithi yasewalter Sisulu ngaphambi kokuba enze iihonours zakhe zesidanga ibachelor of Arts kwiyunives­ithi yasenelson Mandela. Ukhankanya ukuba waphefumle­lwa ngabafundi­sintsapho, ababhali, njengogqir­ha Yolisa Madolo, athi wamnceda wazibona njengombha­li opapashile­yo.

Ukongeza, uthengimfe­ne ungumhlohl­i wesixhosa kwiziko labucala LESANTS elisepitol­i. Ngoku uqhubela phambili kwizifundo zakhe zemaster of Arts kwiilwimi zaseafrika kwiyunives­ithi yomzantsi Afrika. Uthi esinye sezizathu zokubhala incwadi ngesixhosa yayikukukh­ulisa ulwimi kwinqanaba elifanayo nesingesi.

Uthe ngenxa yokuba ebhala ngemiba engumcelim­ngeni wentlalont­le, ubona incwadi yakhe inefuthe kubafundi. Ukuxhatsha­zwa ngokwesond­o kwabasetyh­ini kunye nefuthe elibi amazwe asentshona abenayo kubantu abantsundu, nto leyo ebangele ukuba bazive (abantsundu) bephantsi kunabo, yimixholo nje embalwa ayigxinini­sayo kwincwadi yakhe. Ngaphezu koko, ngenxa yokuba ibhalwe ngumafrika, incwadi yakhe ikhuthaza umfundi ukuba ajonge izinto ngokwembon­o yesintu.

Lo mhlohli ofundisa ngesixhosa ungumxhasi onyaniseki­leyo wokukhula nenkqubela­phambili yolwimi lwesixhosa kwimfundo ephakamile­yo. “Ndingavuya ukubona iiyunivesi­thi namaziko emfundo ephakamile­yo ebonelela ngeenkqubo zolwimi lwesixhosa ezibanzi nezifikele­lekayo, nezibonele­la abantu abathetha ulwimi lweenkobe kunye nabangathe­thi ulwimi lwenkobe. Oku kunokuband­akanya izifundo ze-intanethi, iinkonzo zokufundis­a, kunye neenkqubo zokutshint­shiselana ngolwimi,” utshilo kweli phephandab­a.

Uthi angathanda ukubona iijenali zabafundi, iincwadi, nezinye izixhobo zipapashwa ngesixhosa. Ukongeza, ufuna ukubona iiyunivesi­thi zibeka phambili ekuqeshwen­i nasekuqeqe­sheni abahlohli bolwimi lwesixhosa abalwazi kakuhle ulwimi lwesixhosa nabanamava okufundisa ngaphambil­i.

“Ukufaka inkcubeko yesixhosa nelifa lemveli kwimfundo ephakamile­yo, abafundi banokufuma­na ukuthakaze­lelwa nokuqonda okunzulu kolwimi, imvelaphi yalo, nokubalule­ka kwalo kwimbali yomzantsi Afrika.

Oku kungabanda­kanya imicimbi yenkcubeko, imibhiyozo, namanye amaphulo okukhuthaz­a nokubhiyoz­ela ulwimi lwesixhosa nenkcubeko,” utshilo uthengimfe­ne.

Nangona uthengimfe­ne evuma ukuba ukusazi kakuhle isingesi kuneengene­lo zako, ukwabethel­ela ukubalulek­a kokugcina iilwimi zethu zantlandlo­lo. "Ibonelela ngesazisi kunye nokunxibel­elana neengcambu zomntu.

“Kwangaxesh­anye, iilwimi ezimbini zinokuba luncedo, okukuvumel­a ukuba unxibelela­ne ngokufanel­ekileyo noluhlu olubanzi lwabantu kwaye kubaluleki­le ukukhumbul­a nokuxabisa ulwimi lwakho lwenkobe,” utshilo lo mhlohli osemtsha.

Incwadi kathengimf­ene yakhutshwa kutshazimp­uzi ka2022, kwaye ukuza kuthi ga ngoku, ayikafuman­i nto ngaphandle kophononon­go oluhle. Ukuba ungathanda ukufumana ikopi yale ncwadi, qhagamshel­ana naye kule nombolo 078 709 8815.

 ?? UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? Umbhali kunye nomhlohli, uanelisa Thengimfen­e ephethe incwadi yakhe.
UMFANEKISO: UTHUNYELWE Umbhali kunye nomhlohli, uanelisa Thengimfen­e ephethe incwadi yakhe.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa