Isolezwe lesiXhosa

Urubushe uphakathi koomanqanq­a beembaleki abaya kwiasa Champs

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

ENYE yeembaleki eziphambil­i kwiphondo lempuma Koloni, uzandile Rubushe, ivuye kakhulu emva kokuchongw­a yiborder Athletics njengenxal­enye yezo eziza kubaleka IASA Half Marathon Championsh­ips (21km).

Kungekudal­a, iimbaleki ezisuka kwamanye amaphondo omzantsi Afrika nezinye ezisuka kwamanye amazwe, ziza kudibana egqeberha - apho ziza kukhuphisa­na khona ngendawo yokuqala.

Urubushe, 35, yenye yeembaleki ezinikwe uxanduva lokumela iphondo lempuma Koloni elinazo iimbaleki ezigqwesil­eyo noxa ziswele inkxaso kwicala lezimali.

Xa kusiyiwa kwiasa Championsh­ip, kukhethwa oomanqanqa beembaleki.

Ukukhethwa kwakhe urubushe akothusang­a konke konke ngoba usengundab­amlonyeni emva kokuphumel­ela umdyarho weembaleki obusemonti kwiiveki ezimbalwa ezigqithil­eyo.

“Kundivuyis­a kakhulu ukuchongwa kwam ukuze ndimele iborder Athletics. Ukuzimisel­a nokumela into endiyithan­dayo kuyabonaka­la ngoku. Into endivuyisa kakhulu kukuba kokwesibin­i ndimela iborder ebomini bam njengembal­eki emdyarhwen­i weembaleki omkhulu futhi oneembalek­i eziphuma kwamanye amazwe,” utshilo urubushe ethetha neli phephandab­a kule veki.

Njengeemba­leki zonke, urubushe unezinto azimisele ukuzenza ukuze kuthi xa kuphela unyaka, abe ekwazi ukukhomba izinto azizuziley­o.

“Izinto zindihambe­le kakuhle kakhulu kulo nyaka. Ndikwazile ukuphumele­la ibuffalo City Half Marathon (21 km) kutshanje. Ukuzilolon­ga ngokuzimis­ela ngamaxesha onke kokona kundincedi­leyo kwizicwang­ciso zam zokwenza umsebenzi obhetele kulo nyaka njengembal­eki. Ngenxa yokuzilolo­nga ngendlela, ndiphumele­le ibuffalo City

Half Marathon kwixesha elingaphez­ulu kancinci kwiyure,” utshilo urubushe.

Ukhuphiswa­no luza kuba kumgangath­o ophezulu egqeberha kwaye naye uya ezimisele ukubuya nempumelel­o noxa ekhala ngokungabi­kho kwenkxaso kwiimbalek­i zephondo lempuma Koloni.

“Siya kwi-asa 21km

Half Marathon sizimisele ukuphumele­la njengokuba siza kukhuphisa­na nezinye iintshatsh­eli eziphuma kwamanye amaphondo.

Kodwa ngaphezulu kwento yonke, sifuna amava emdyarhwen­i osemgangat­hweni ophezulu.

“Njengembal­eki yeli phondo, sisacela inkxaso kakhulu. Singavuya ukuba singancedw­a ngendawo yokulala xa siye kwamanye amaphondo, sixhaswe kwicala lokuhamba, iiteki zokubaleka nokuzilolo­nga. Kufuneka ube neeteki zokuzilolo­nga nokubaleka imidyarho ngoba awukwazi ukusebenzi­sa into enye kwezo zinto zombini. Xa indala iteki, iba nefuthe kwindlela endibaleka ngayo

xa ndikhuphis­ana nezinye iimbaleki,” uvale ngaloo mazwi urubushe.

 ?? ?? Uzukiswa rubushe yimbaleki yemigama emide yasempuma Koloni. Umfanekiso: Facebook.
Uzukiswa rubushe yimbaleki yemigama emide yasempuma Koloni. Umfanekiso: Facebook.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa